By Nyameka Lamani.
I-Mercedes-Benz South Africa (MBSA) ibhengeze ukunqunyanyiswa kokuveliswa kwezithuthi kumzi-mveliso wayo oseMonti okuya kuhlala kude kube sekupheleni kweyeKhala ka-2025. Oku kunqunyanyiswa kwemveliso kucetywayo yinxalenye yokuvalwa konyaka okunxulunyaniswa nohlengahlengiso lomthamo kwishedyuli yemveliso.
Abanye abavelisi beemoto abaphambili eMzantsi Afrika, abafana noVolkswagen kunye noNissan, nabo baye banqumamisa imveliso efanayo ekuqaleni kwalo nyaka. I-MBSA igxininise ukuba le nkqubo yinkqubo eqhelekileyo kwaye inkampani igcina unxibelelwano olusondeleyo nabachaphazelekayo, kuquka ababoneleli kunye nabasebenzi.
U-Irvin Jim, unobhala jikelele weManyano yeSizwe yaBasebenzi besiNyithi eMzantsi Afrika (Numsa), ugqabaze ngale meko wathi: “IVolkswagen yanqumamisa imveliso kangangenyanga. AbakwaNissan baye bakwenza oko nabo. Uphinde waqaphela ukuba abasebenzi beMBSA baya kubandakanyeka kwiinkqubo ezahlukeneyo zoqeqesho kunye nokuphucula izakhono ngeli xesha, kunye nembuyekezo ehambelana nezivumelwano zothethathethwano oluhlangeneyo.”
Ukongeza, uJim ubalule ukuba iNumsa ikhuthaza inkxaso efanayo kubasebenzi abachatshazelwe kukuvalwa komsebenzi. Le manyano icela uncedo kwisebe lezengqesho kwanengxowa mali yeInshurensi yabangasebenziyo (UIF) ukuze kuqaliswe inkqubo yoqeqesho kwabo basebenzi. Ezinye iingxelo ziye zanxibelelanisa ngokuyinxenye ukumiswa kwemveliso eMelika ibeka umrhumo wama-25% kwiimoto ezisuka kumazwe angaphandle ukusuka kuTshazimpuzi ka-2025.