Iqonga lokusasaza ividiyo elivelisa kwaye liphuhlise ubu Africa i-Montywood, kulindeleke ukuba lisingathe umsitho walo wokuqala weembasa ngomhla wesi-2 ku March kulo umiyo eGuild Theatre ukubhiyozela ukugqwesa kwayo kwi-cinema.
Phakathi kwezinye izinto ezisasazwa leliqonga kuquka kulo, iinkqubo zeTV (Imiboniso Bhanya-Bhanya (movies), iinkqubo eziqhubekayo (series) kunye nee *_Documentaries_*).
IMontywood yaveliswa ngonyaka ka-2019 njengenyathelo lesikhululo sasekuhlaleni i-Kumkani FM EMonti, kweliphondo leMpuma Koloni.
Lomsitho uza kuqaphela abenzi be- _*film*_ abanetalente, abadlali beqonga kunye namaqela okuvelisa abenze igalelo elibalulekileyo kwishishini le *_film_* kwiminyaka edlulileyo.
La maBhaso akavulelwa uvoto lukawonke-wonke kuya kubakho igqiza lokutyumba kunye nokhetho eliya kuthatha isigqibo.
Kumyhadala we *_Red_* _*Carpet*_ uzokubandakanya abasasazi, abatyunjelwe ukufumana iimbasa, kunye neemvumi ezizokwabelana ngeqonga.
Umsitho wamawonga uza kusingathwa nguQhamani Narcho Mabizela kunye noSizo ZoeD Dosi kwaye uza kubandakanya amacandelo afana nomdlali weqonga ogqwesileyo, Best Original Song, Best life time achievement phakathi kwezinye.
Umlawuli wezimbasa umnumzana U. Dyubula uthi bachulumancile kukusingatha iiMbasa zemiboniso bhanya-bhanya zoNyaka zeMontywood, ukuwonga izakhono ezimangalisayo kunye nobuchule bokuyila kwishishini lemiboniso bhanyabhanya.
“Sijonge phambili ekubhiyozeleni okona kulungileyo nokuqaqambileyo kwi-cinema kunye nokubonelela ngeqonga lokuvelisa kunye netalente esakhasayo,” utshilo
I-Montywood izakuwonga ngokukhethekileyo, inika imbeko kumntu ophinde wavuzwa kwishishini lefilimu othe wenza igalelo elibalulekileyo kubugcisa bokwenza iifilimu.
