Igunyabantu Lotshutshiso (NPA) igxeke izoyikiso zeendaba zoluntu nxamnye nomtshutshisi woRhulumente u-Advocate Joel Cesar owayebandakanyeka kwityala lokuphathwa kwezixhobo zompu zikaJulius Malema.
I-arhente yezotshutshiso ithi iqaphele ngenkxalabo ukusasazwa komxholo kwiqonga leendaba zoluntu u-X, isithi imele i-Economic Freedom Fighters, apho iingxelo ziqulethe izoyikiso ezinzulu ezijoliswe kuCesar.
I-NPA ithi le ndlela yokuziphatha iyawuthoba umthetho kwaye ibeka umngcipheko wokwenene kukhuseleko nakubomi babo banikwe igunya lokugcina ubulungisa.
“Eli xhala liyanda eMpuma Koloni, apho abatshutshisi abathathu babulewe kabuhlungu kwiminyaka emibini edlulileyo, nto leyo egxininisa iingozi zokwenyani ezijongene namalungu e-arhente yezotshutshiso,” itshilo i-NPA kwingxelo.
Kwintetho yakhe kumakhulu abalandeli be-EFF ababehlanganisene ngaphandle kweNkundla yeSithili saKuGompo ngoLwesine umhla weshumi elinesithandathu (16) kuTshazimpunzi, uMalema wahlasela uMantyi uTwanet Olivier noCesar.
Ubize uOlivier ngokuba ngumcalucaluli waza wathi uCesar ungumntu okhukhumeleyo.
“Into ekufuneka siyenze kukuqinisekisa ukuba lo mtshutshisi okhukhumeleyo, kwaye onesifo sengqondo sokuba yindoda emfutshane ufundiswa isifundo. Kwaye singamfundisa isifundo kuphela ngokuhlala entanyeni yakhe size siqinisekise ukuba uyatshutshiswa aze abanjwe ngokuxoka enkundleni.”
