Home Iindaba I-NPA ithi iza kubhena kwisigqibo sokukhulula uOmotoso.

I-NPA ithi iza kubhena kwisigqibo sokukhulula uOmotoso.

IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lisiqinisekisile isigqibo salo sokubhena kwisigwebo kwityala likaMfundisi uTimothy Omotoso nesibini atyholwa naso, esawiswa yiNkundla ePhakamileyo yaseMpuma Kapa eGqeberha ngomhla wesibini (02) kuTshazimpuzi ka-2025.

Umfanekiso: Umtyholwa u-Omotoso kunye nabo atyholwa nabo.

IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lisiqinisekisile isigqibo salo sokubhena kwisigwebo kwityala likaMfundisi uTimothy Omotoso nesibini atyholwa naso, esawiswa yiNkundla ePhakamileyo yaseMpuma Kapa eGqeberha ngomhla wesibini (02) kuTshazimpuzi ka-2025.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Kapa, uBarry Madolo, wenze oku emva kokuphononongwa ngokubanzi kwegqiza langaphakathi labatshutshisi abaphezulu kunye nokubonisana nabacebisi abaphezulu.

“Isigqibo asikhange sikhawuleziswe ngenxa yokuntsonkotha kwalo mba kunye nemibhalo ebhaliweyo ebifuna ukuncinwa,” itshilo iNPA.

Nangona umthetho umisela umda urhulumente ukuba afake isibheno kuphela kwimibandela yomthetho—hayi izibakala, iNPA ikholelwa ukuba inamathuba afanelekileyo okuphumelela. Ngomhla weshumi elinesibini (12) kuCanzibe, kwafakwa amaxwebhu asemthethweni acela uJaji uIrma Schoeman ukuba acacise iziphumo ezithile eziyinyani, eli linyathelo lokuqala lokubhena phantsi kweCandelo lama-319 loMthetho weNkqubo yoLwaphulo-mthetho.

“Simi ngelithi ijaji yenza impazamo kwezinye zezinto eyazifumanisayo,” sitshilo isithethi seNPA kuzwelonke uAdv Mthunzi Mhaga. “Esi sigwebo sibe nefuthe elibi kumaxhoba abandakanyekayo kwaye aphelelwa lithemba ngakwiNPA nakwinkqubo yezobulungisa ukujongana nemiba yeGBV.”

Uphando lwangaphakathi, olwaqaliswa ngoAgasti ka-2024 malunga nokuziphatha kweqela lokuqala lomtshutshisi, lwandisiwe ukuze lubandakanye omabini amaqela aphethe ityala likaOmotoso. Ingxelo yolu phando ilindeleke kweyeSilimela.

Ngaphandle kokusilela, iNPA iphinde yaqinisekisa ukuzinikela kwayo ekulweni ubundlobongela obuphathelele kwezesondo kunye nesini (SGBV).

“I-SGBV ise sisibetho esingamkelekanga kwilizwe lethu. INPA ihleli izibophelele ekuboneleleni amaxhoba ngenkxaso ayidingayo nokuqinisekisa ukuba abenzi bobubi bayaphenduliswa,” iqukumbele njalo ingxelo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks