Home Iindaba I-Patriotic Alliannce igrogrisa ngokuphuma kwi-GNU.

    I-Patriotic Alliannce igrogrisa ngokuphuma kwi-GNU.

    INkokeli yePA uGayton McKenzie, osebenza kuRhulumente woManyano lweSizwe njengoMphathiswa wezeMidlalo, uBugcisa neNkcubeko, ugrogrisa ngokurhoxa kurhulumente ngaphandle kokuba uKenny Kunene ubuyiselwe kwiKomiti yooSodolophu waseGoli.

    Umfanekiso: UMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa kunye neNkcubeko uGayton McKenzie.

    By Esona Magawana.

    INkokeli yePA uGayton McKenzie, osebenza kuRhulumente woManyano lweSizwe njengoMphathiswa wezeMidlalo, uBugcisa neNkcubeko, ugrogrisa ngokurhoxa kurhulumente ngaphandle kokuba uKenny Kunene ubuyiselwe kwiKomiti yooSodolophu waseGoli.

    Ukungavisisani kwePatriotic Alliance (PA) kunye neAfrican National Congress (ANC) kwisiXeko saseRhawutini kungakhokelela ekubeni lo mbutho uphume kurhulumente womanyano lwesizwe (GNU).

    UKunene, usekela mongameli wombutho, ukwangqinile ukuba lo mbutho ucinga ukurhoxa kwiGNU nakuwuphi na urhulumente wobumbano lwephondo. UKunene wasuswa kwikomiti kasodolophu ngumbutho wePA emva kokuba efunyenwe kwikhaya eliseSandton likaKatiso ‘KT’ Molefe ngethuba amapolisa efika beyokubamba lo somashishini kweyeKhala 2025.

    Uphando oluzimeleyo sele lukhuphe uKunene kulo naliphi na ityala, kwaye lo mbutho uthi makaphinde atyunjwe, ukuba akphumelelanga oko bazakuphuma kwiGNU.

    UKunene kunye nalo mbutho batyhola usodolophu waseGoli uDada Morero ngokuphazamisa inkqubo nokusilela ukuququzelela ukubuyiswa kwakhe.

    “Bonke abo bakumanyano neANC nokuba ngowephondo nokuba ngowengingqi nokuba ngowesizwe kuquka nomongameli wethu njengoMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko. Sizakuphuma kurhulumente wengingqi, norhlumente wamaphondo.”

    Lo mbutho uthi iANC eRhawutini ineentsuku ezisixhenxe zokumisela kwakhona uKunene ukuba ifuna ukugcina imifelandawonye yawo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks