Abafundi bebanga leshumi ababhale iimviwo zabo zika-2023, nezilawulwa liZiko loMzantsi Afrika loVavanyo oluBanzi i (SACAI), baphumelele ngomyinge ka – 72% wokupasa.
Iimviwo zika-2023 bezizezokuqala ze-SACAI njengequmrhu lovavanyo labucala elivunywe ngokuvunyiweyo kwaye inabafundi abamalunga nama-5 826 ababehlalele iimviwo phakathi kuka-Oktobha noDisemba wonyaka ophelileyo.
Eli ziko libonelela ikakhulu abaviwa abafunda kwi-Intanethi kunye nokufunda ngemfundo emgama.
Ukulandela ukuqhambuka kwe-COVID-19 eMzantsi Afrika ngo-2020, abantu abaninzi bathathela ingqalelo ukufunda kwi-Intanethi njengeyona ndlela ikhethekileyo emva kokuba izikolo zivaliwe ngenxa yokuvalwa okunyanzeliswe ngurhulumente.
IGosa eliPhezulu leSACAI uKeith Maseko uthi bayazingca ngempumelelo yabo.
UMaseko uthi, “I-SACAI inebhongo ngebanga lematriki lika-2023. Sikwazile ukugcina ireyithi yokupasa eyi-72%. Nangona linyukile inani labafundi ababhale kunye nathi, sikufutshane nje kwiwaka labafundi ababhale iimviwo zeSACAI.”
