11 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

I-SACP izikhabile izityholo zorhwaphilizo ze-OUTA

Umbutho wamaKomanisi woMzantsi Afrika (SACP) uzikhabile izityholo zombutho i-Organisation Undoing Tax Abuse (OUTA) zokuba ababoneleli beenkonzo zeNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS) bahlawule lo mbutho malunga nesigidi seerandi.

I-OUTA ithi iphethe iintlanganiso eshicilelweyo phakathi kukasihlalo webhodi ye-NSFAS u-Ernest Khosa kunye nommeli wababoneleli beenkonzo ze-NSFAS. Lo mbutho uthi uKhosa, uMphathiswa weMfundo ePhakamileyo uBlade Nzimande, kunye neSACP kutyholwa ukuba bahlawulwe imali.

Isithethi seSACP kuzwelonke uAlex Mashilo uthi azinasihlahla ezi zityholo.

“I-SACP ayizange ifune inkxaso-mali kuye nawuphi na umntu ngokungekho mthethweni, kwaye asisoze samkele nabani na obandakanyeka kuzo naziphi na izenzo zobuqhophololo ezizama ukugalela igama lombutho wethu kwezo zigebenga. Sima siqinile kwisigqibo sethu sokuchasa urhwaphilizo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11 ° C
11 °
11 °
81 %
1.3kmh
99 %
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
27 °
Tue
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks