Home Iindaba I-SAPS eKariega yenza uphando emveni kokufunyanwa kwabantwana ababini abathe barhaxwa.

I-SAPS eKariega yenza uphando emveni kokufunyanwa kwabantwana ababini abathe barhaxwa.

Imizimba yabantwana ababini abaneminyaka emithandathu (06) kunye nesibhozo (08) ubudala ifunyenwe izolo umhla weshumi elinethoba (19) kweyeNkanga 2024, kwidama laseWillow eKariega ngamalungu oluntu.

Imizimba yabantwana ababini abaneminyaka emithandathu (06) kunye nesibhozo (08) ubudala ifunyenwe izolo umhla weshumi elinethoba (19) kweyeNkanga 2024, kwidama laseWillow eKariega ngamalungu oluntu.

Ngokweenkcukacha, la makhwenkwe mabini agqityelwe ngeCawe yomhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyeNkanga kwipaki ekufutshane nendawo ahlala kuyo eTamboville, kwindawo yamapolisa yaseKamesh. Ezi ntsapho zabika ngamakhwenkwe adukileyo ngoMvulo kwaSAPS eKamesh. Malunga nemizuzu engamashumi amathathu emveni kwentsimbi yeshumi elinambini (12:30), izolo, amalungu asekuhlaleni abone izidumbu ezibini emanzini.

Bacela uncedo, yaza yafunyanwa yomibini imizimba yala makhwenkwe. Amatyala amabini ophando avulwa ukuze kuphandwe ngokubhekele phaya.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks