INkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS) ikhangela umrhanelwa ngezityholo ezimandundu zokudlwengulwa kunye nokuphanga ixhegwazana elineminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu (75) ubudala kwindawo elihlala kuyo kwiNdawo yoLawulo eMdletyeni.. Esi sehlo kuxelwe ukuba senzeke ngoLwesihlanu, umhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyoMqungu ngo-2025, malunga nentsimbi yethoba (21:00) ngokuhlwa.
Kutyholwa ukuba ixhoba lalilele kwikhaya lalo ngethuba umntu ongaziwayo, ekuvakala ukuba uzifihle ngesigqumathelo, wangena ngenkani endlini. Kutyholwa ukuba umrhanelwa wenze izenzo zobundlobongela obuphathelele kwezesondo kwixhegokazi phambi kokuba aqhubele phambili nokuliphanga isixa-mali esingachazwanga. Ityala lodlwengulo lona livuliwe.
Kwiinzame eziqinileyo zokuqinisekisa ukhuseleko loluntu kunye nokubonelela ngobulungisa kwixhoba, amapolisa acela uluntu ukuba luncedia nangoluphi ulwazi olunokunceda ekubanjweni komrhanelwa. Kucelwa nabani na onolwazi ukuba aqhagamshelane noMphathi wesiKhululo saseTsomo ngqo kule nombolo 082 499 2591 okanye achaze ngokungaziwa igama lakhe esebenzisa iCrime Stop ku-08600 10111.
