Abakwantsasana baseMzantsi Afrika bathe chuuu ukuqinisekisa ukuba imipu engekho-mthethweni iyasuka ezitratweni.
ISAPS iza kutshabalalisa imipu eyi-16 049 eVanderbijlpark; I-12 502 yimipu emincinci kwaye i-1 921 zingadlangadla zemipu.
USekela-Mkomishinala weSizwe wamaPolisa, uLieutenant General Tebello Mosikili uza kukhokela inkqubo esesikweni yokutshabalalisa imipu ngale ntsasa.
Le mipu kunye neembumbulu zathinjwa ngexesha lamaphulo amapolisa afana no OperationShanela ze emva koko yanikwa uRhulumente. Eminye imipu inxulunyaniswe namatyala agqityiweyo anxulumene nobundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana, ukuphangwa kweezithuthi zemali kunye nemipu enikezelweyo, kunye naleyo yanikezelwe ngaphambili ngexesha loXolelo.
Le mipu sele igqityiwe kuvavanyo lwe-IBIS ukuze kubonwe ukuba ayinanto yokwenza nolunye ulwaphulo-mthetho olwenziweyo.
