Home Iindaba I-SIU ibuyisele I R14.7million ebimke ngendlela ezi nobu qhophololo kwiSebe lezothutho

I-SIU ibuyisele I R14.7million ebimke ngendlela ezi nobu qhophololo kwiSebe lezothutho

Iyunithi yoPhando lokuKhuselwa koLuntu (SIU) ibuyisele i R14.7 million kwiisebe lezo-thutho kumaphondo amathandathu emva kophando ngobuqhophololo obuthe bachaphazela inkqubo yoThutho.

I-Mpumalanga ibuyelwe yeyona mali inkulu engange- R9.5 million, ilandelwa yi-Gauteng nge R4.7 million. iMpuma Koloni ibuyiselwe R306,000, ze i-KwaZulu-Natal ibeyi R65,500, i-Free State R60,000, ukanti iLimpopo yona ifumene R17,000.

I-SIU ikwakhuphe ngaphandle i-190,503 yeelayisensi ezikholeleka ukuba zezabantu abangasekhoyo kwinkqubo ye-eNaTIS, yaze yakhupha i-73 izikhokelo zedisiphlini, kunye ne-78 yezityholo zolwaphulo-mthetho ezithunyelwe kwiNPA.

I-SIU ithi le mbuyekezo iyinxalenye yomsebenzi wokuqinisa ingqibelelo nokukhusela imali yoluntu yeRhafu kuzo zonke iinkqubo zoThutho kweli.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks