13 C
King William's Town
Thursday, October 2, 2025

I-Stomers zaseNtshona Kapa zizibethele kowazo iiBulls kulempelaveki siphuma kuyo, ePitoli.

By Siphiwo Boqwana.

NgoMgqibelo umhla wesibini (02) kwinyanga yoKwindla 2025 kwimpelaveki esiphuma kuyo kumabala iLofters Versfeld ePitoli, iStomers zaseNtshona Kapa zizibethele iiBulks zaseRhawutini ngamanqaku alishumi elinethoba kwishumi elinesithandathu (19-16) kumdlalo obunzima utshisa bhe.

Uye walibaziseka umdlalo phakathi kwalamaqela mabini (2) ngenxa yemvula ebinetha ngamandla kakhulu, ePitoli eLoftus ngoMgqibelo. Lo mdlalo ibingowokuqala we-Vodacom United Rugby Championship nebilidabi lombhoxo kuMzantsi Afrika.

I-Bulls ziye zehlelwa linani labadlali ebaleni emva kokunikwa kuka-Willie le Roux ikhadi elimthubi kodwa i-Stomers azikwazanga ukusebenzisa elithuba kuba kaloku bekumanzi toxo ebaleni. Nangona kunjalo i-Stomers zaseNtshona Kapa zikwazile ukusebenza ngokuzimisela nobuchule obungumangaliso phantsi kweemeko ezohlukeneyo nezifana nokumiswa kokuqala komdlalo ngenxa yobumanzi nokubaneka.

Abandwendweli basebenzise ubuchule obungumangaliso kwiibhola zaphezulu nokukhatywa kweepenalti.

Isiqingatha sokuqala besinzima kodwa ziye zabambelela iStomers ngethuba kusiyiwa ekhefini zabe zihamba phambili ngamanqaku alishumi elinesibini kwithoba (12-9).

Kwisiqingatha sesibini (2) omabini lamaqela ebezimisele ngethuba iqela ngalinye lifaka inqaku. Ibezi-Bulls eziyokulala kuqala emgceni ngethuba uRuan Vermaak elala ngokwakhe emgceni kodwa nazo i-Stomers ziye zathethelelwa ngumdlali wazo uWandisile Simelane ngethuba naye ezeka mzekweni elala emgceni.

Umdlalo ubulingana ingakumbi kwisiqingatha sesibini (2) somdlalo.

Kwi-Bulls kulale emgceni uVermask waze uKiel waqabelisa, kwakhona inqina lika-Kriel lisebenzile ngethuba ekwazile ukuqabelisa iipenalti ezintathu (3) ze-Bulls kulomdlalo ubutaka iintlantsi.

Kwi-Stomers nguSimelane olale emgceni yena uMatthee uye waqabelisa waze waphinda waqabelisa iipenalti ezine (4).

Yipenalti enye eyohlukanise lamaqela.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
13 ° C
13 °
13 °
63 %
5.3kmh
100 %
Thu
14 °
Fri
17 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks