Home Ezemidlalo IBabina Noko neeRockets akukho evumileyo ukugoba uphondo

    IBabina Noko neeRockets akukho evumileyo ukugoba uphondo

    Phezolo bekudlalwa umdlalo weDSTV Premiership phakathi kweSekhukhune United neTS Galaxy, lamaqela Alwela indawo yesithathu kuluhlu lwamaqela ePSL.

    IBabina Noko neRockets zidlale ntanganye ngethuba ziqengqa amaqanda(0-0) kumabala iPeter Mokaba ePolokwana ebusuku phezolo umhla wesithathu(3) kuCancibe ngolwesihlanu ezintsukwini. La maqela mabini(2) azama kangangoko ukuthatha indawo yesithathu(3) kodwa loo nto ayisoze ikwazi ukubalula konke konke kuba iStellis neBhakabhaka nazo zenza eyazo zilwela indawo yesibini(2) nto leyo enokwenza ukuba eyoyiswayo iyothi ngcu kwindawo yesithathu(3) kuzo.

    ISekhukhune isahleli kwindawo yesine(4) emva kwalomdlalo ishiyekelwe yimidlalo emine(4) igqibe, ishiywa ngamanqaku amathandathu(6) yiPirates ekwindawo yesithathu(3) ikutsho oko inamanqaku angamashumi amane(40) ebhodini ngelithuba ezimnyama ngenkani zinamashumi amane anesithandathu(46). Umdlalo wayo olandelayo ungomhla wesixhenxe(07) kulenyanga kaCanzibe ngolwesibini(2) ezintsukwini ekuhambeni.

    ITS Galaxy inyukile yayakuthi ngcu kwindawo yesihlanu(5) ishiywa ngamanqaku amabini(2) yiSekhukhune ekwindawo yesine(4) kodwa yona inomdlalo engekawudlali iRockets kuneBabina Noko. Umdlalo olandelayo weTS Galaxy ungomhla wesixhenxe(07) kulenyanga kaCanzibe ngolwesibini(2) kwiveki ezayo ekuhambeni nalapho izakube idlala neKaizer Chiefs.

    ITS Galaxy inamanqaku angamashumi amathathu anesibhozo(38) ebhodini ishiyekelwe yimidlalo emihlanu(5).

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks