25.8 C
King William's Town
Thursday, March 20, 2025

IBafana Bafana izakudlalela eOrlando neUganga kwinyanga ezayo

Umbutho webhola ekhatywayo eAfrika iConfedaration of African football ibhengeze ukuba iBafana Bafana izakuvula imidlalo yayo yokuzibekela indawo kwindebe yeAfrican Nations ngokudlala ekhaya nelizwe lebhola ekhatywayo laseUganda kumdlalo ozakubanjelwa kumabala iOrlando ngolwesihlanu umhla wesithandathu(06) kwinyanga ezayo.

Ngumdlalo kagroup K lona nozakudlalelwa eSoweto ngentsimbi yesithandathu(18h00) malanga. UMzantsi Afrika uzakuntingela eJuba emva walomdlalo nalapho izakuqubsana neSouth Sudan ngomhla weshumi(10) kwinyanga yoMsintsi ngentsimbi yesithathu(15h00) emva kwemini ngolwesibini ezintsukwini.

Kuzakube ikokokuqala(1) lamaqela edlala omabini(2), iBafana yagqibela ukudlala eJuba ngethuba bebhaxabulwa yiSudan ngamanqaku amathathu eqandeni(3-0) kumdlalo wokuzibekela indawo kwindebe yehlabathi ngenyanga yeSilimela kulonyaka ka2024. Lomdlalo wawudlalwa ngethuba kuvulwa lankundla yezemidlalo.

Elinye iqela elikulegroup inguK yiCongo nezakudlala imilenze emibini(2) neBafana ngenyanga yeDwarha kulonyaka nangona kunjalo umhla indawo azikabhengezwa.

Amaqela anabini(2) kwindawo yokuqala(1) neyesibini(2) kwigroup nganye azakuzibekela indawo kwindebe yaseAfrika yamazwe eMorocco. Kodwa kwigroup apho kukho nabahlinzeki linye(1) iqela elizakwazi ukugqithela phambili kuba iMorroco yona sele inendawo njengabahlinzeki.

Lemidlalo yendebe yaseAfrika izakudlalwa ekupheleni konyaka ozayo kuba kuzakube kukho imidlalo yehlabathi yebhola ekhatywayo yamaqela.

Lemidlalo yaseAfrika izakuqala ngomhla wamashumi amabini ananye(21) kwinyanga yoMnga kunyaka ka2025 iyokuphela ngomhla weshumi elinesibhozo(18) kwinyanga yoKwindla kunyaka ka2026.

Lemidlalo yokulungiselela indawo izakudlalwa kwiinyanga ezintathu(3) kweyoMsintsi, eyeDwarha neyeNkanga kulonyaka ka2024.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
25.8 ° C
25.8 °
25.8 °
52 %
1.6kmh
65 %
Thu
28 °
Fri
34 °
Sat
34 °
Sun
29 °
Mon
34 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks