Home Iindaba Ibanjiwe indoda ebulele inkondekazi.

Ibanjiwe indoda ebulele inkondekazi.

Amapolisa abambe indoda eneminyaka engamashumi amane anesithathu ubudala ngezityholo zokubandakanyeka kwayo ekubulaweni kukanina kwindawo yaseZwide, Hofmeyer.

By Asipile Kitchen.

NgeCawa, umhla wesithandathu (06 ) kuTshazimpuzi 2025 malunga nentsimbi yeshumi amapolisa abiziwe malunga nesikhalazo sokubulawa komntu kwindlu ethile kwindawo yaseZwide, eHofmeyer. Kwindawo yexhwayelo, amapolisa afumene umzimba wenkondekazi.

Emva kwexesha lophononongo lomzimba, uye waziswa njengo-Nolungephi Stuurman oneminyaka engamashumi asixhenxe anesithathu (73) ubudala.

Iqela labecuphi aqalile ukusebenza kwityala lokubulala, kwaye alandelela imikhondo ethile. NgoMvulo, umhla wesixhenxe (07) kweyoTshazimpuzi 2025, amapolisa abambe unyana ka-Stuurman ngezityholo zokubandakanyeka kwakhe ekubulaweni kukanina.

Umsolwa oneminyaka engamashumi amane anesithathu (43) kulindeleke ukuba avele enkundleni kamantyi yase-Hofmeyer ngoLwesibini, (08) Tshazimpuzi 2025, malunga netyala loubulala.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks