18.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Ibanjiwe indoda engumfama nebithengisa abantu kwaye ibadlwengule.

Igqiza elijongene noBundlobongela kuSapho, uKhuseleko lwaBantwana kunye necandelo lolwaphulo-mthetho lwezeSondo(FCS) eRhafu, lusebenze ngempumelelo emva kokuba umsebenzi wabo wophando ukhokelele ekufumaneni umtyholwa nojongene nenani lamatyala okurhweba ngabantu kunye nodlwengulo. Kulamatyala kuquka nelokudlwengula nelavulwa ngenyanga kaFebruary 2023.

Oluphando lukhokelele ekubanjweni kwendoda eneminyaka engamashumi amane ananye(41) ubudala yaseAberdeen, neyayanyaniswa ubuncinane namatyala amahlanu(5). Lamatyala aquka awokurhweba ngabantu(human trafficking) kunye nokudlwengula phakathi konyaka ka2020 no2023 kwiphondo leMpuma Koloni namanye amaphondo.

Lendoda nekufunyaniswe ukuba ingumlimi eRhafu iye yabanjwa ngomhla we(3 July 2023) ibanjwa liqela labacuphi. Ukanti kumamye amatyala ajongene nawo umtyholwa; kukubetha ngenjongo zokwenzakalisa kakubi umtu emzimbeni, ukoyikisa kunye nokusetyenziswa kwabantwana(child labour).

Umrhanelwa ebevelile namhlanje kwinkundla kamantyi yaseAberdeen ngezityholo akongene nazo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
92 %
1.1kmh
21 %
Wed
18 °
Thu
22 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks