Abacuphi be-SAPS Humewood babambe umrhanelwa omnye kwiflethi ekwiNdlela yoMkhosi kuMbindi phezolo, ngomhla wamashumi amathathu ananye ngesityholo sohlaselo kunye nokuphangwa kwegosa lokhuseleko le-Atlas ngokuhlwa kwangoMvulo eWestern Road.
Malunga nentsimbi yesibhozo abacuphi ngoncedo lwamapolisa kamasipala balandela iinkcukacha baza bamfumana umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesibini(32) kule dilesi ikhankanywe ngasentla.
Uvalelwe ngezityholo zokuphanga kunye nokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa umzimba.
Kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseGqeberha ngoMvulo umhla wesihlanu kweyeSilimela ngo2023.
Ukuzingela abarhanelwa ababini abaseleyo kuyaqhubeka.
Imibuzo: Col Priscilla Naidu
071 362 8726