Home Iindaba IBanjiwe indoda ibigrogrisa uMongameli Ramaphosa ngoMyalezo kaNomyayi.

    IBanjiwe indoda ibigrogrisa uMongameli Ramaphosa ngoMyalezo kaNomyayi.

    INdoda eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) yaseGermiston, eRhawutini, iye yabanjwa liCandelo looKhetshe loLwaphulo-mthetho oluChasene noRhulumente

    Umfanekiso: UMongameli weLizwe loMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa.

    By Buhle Nomgalasa.

    INdoda eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) yaseGermiston, eRhawutini, iye yabanjwa liCandelo looKhetshe loLwaphulo-mthetho oluChasene noRhulumente (Hawks Crimes Against The State) ngomhla wamashumi amabini anesithathu-23 kuCanzibe ngo-2025, ngezityholo zokuthumela amazwi agrogrisayo ajolise kuMongameli uCyril Ramaphosa, uSodolophu waseKapa uGeordin Hill-Lewis, kunye neNgqonyela yeNkampani yaseKapa.

    Oku kubanjwa kulandela uphando olukhawulezileyo olwenziwa liqela leCATS elizinze eKapa emva kokuba iNgqonyela ibike ngezi zoyikiso ngomhla weshumi elinesibini (20) kuCanzibe 2025. Umrhanelwa, otyholwa ngokugrogrisa, ubanjwe eGermiston kwaye uthuthelwa eKapa ukuze avele enkundleni namhlanje ngomhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kuCanzibe ngo2025.

    Imixholo echanekileyo womyalezo (voice note) ayichazwanga, kodwa izoyikiso zibonwe zinobuzaza ngokwaneleyo.

    Uphando luyaqhuba ukutyhila umda opheleleyo wezoyikiso.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks