Home Iindaba Ibethe yabulala abantu ababini indoda ephazamiseke ngokwasengqondweni kwiphondo leMpuma Koloni

Ibethe yabulala abantu ababini indoda ephazamiseke ngokwasengqondweni kwiphondo leMpuma Koloni

Uzakuvela kwinkundla kamantyi eNgqushwa ngoMvulo (18/12) umrhanelwa ekukholelwa ukuba uphazamiseke ngokwasengqondweni, ngezityholo zokubulala abantu ababini kwiziganeko ezahlukeneyo.

Oku kuza emva kokuba Ixhego elineminyaka engama-55 kunye nexhegwazana elineminyaka engama-99 ubudala babethwa babhubha bobabini kwiziganeko ezahlukeneyo yindoda enengxaki yengqondo ngoLwesine (14/12) kwilali yaseNdlambe ngaphandle kwaseNgqushwa .

Kutyholwa ukuba amapolisa abikelwe ngesiganeko sokubulawa kwendoda eneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu (55) engumzala womrhanelwa. Iingxelo zithi Umfi ebeyokundwendwela ngethuba ebethwa wabhubha ngumzala wakhe.

Kwisehlo esahlukileyo kwangalo mini, kutyholwa ukuba inkondekazi eneminyaka engama-99 ubudala elingummelwane nalo labethwa labhubha kwangumrhanelwa. Amapolisa abizelwe kwindawo yexhwayelo yintombi yalenkondekazi ibhubhileyo.

Amapolisa kunye noluntu baqhube ugqogqo kwaye kamva wafunyanwa umrhanelwa kumatyholo akufutshane. Wabanjwa wavalelwa

UMkomishinala wesithili saseAmathole uNjengele Ngangema Xakavu udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zababhubhileyo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks