Ibhunga likaZwelonke laBantu abaKhubazekileyo i (NCDP) lizakuthumela igqiza kwisikolo semfundo ephakamileyo Ikhwezi Lokusa eMthatha kule veki njengoko kudala kukho iingxelo zokungahoywa nokuxhatshazwa kwabantwana kweli ziko.
Umlawuli weNCPD, uTherina Wentzel, uthi iimeko zesikolo ezikhoyo “zicace gca kubungqina bokuba iSebe leMfundo esiSiseko kunye nenqununu yesikolo, bayanyhasha iPhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo wamalungelo abantu abakhubazekileyo”.
Uthi kufuneka kube nokuphendula kunye neziphumo zale nto yenzekayo.
Amagosa alo mbutho ne-Equal Education Law Centre azakuhlangana kule veki eMthatha nabazali baba bantwana nabanye abachaphazelekayo ngeenjongo zokukhangela isisombululo kule meko inxunguphalisayo kwaye bafune ukuphuculwa.
IBhunga lithe imeko yesikolo sabantwana abakhubazekileyo “yothusa kakhulu”, logama lisithi “ukungahoywa nokuxhatshazwa” kuxhaphakile.
“Kukho uloyiko olubambekayo lokuba isebe lemfundo esisiseko ephondweni lizakuphinda lisivule esi sikolo ekuqaleni konyaka ka2024.
Ngokutsho kwamagosa aseWentzel nawo ebengawuhoyanga uMgaqo-siseko othi bonke abantu, kuquka nabo bakhubazekileyo, banelungelo lesidima nokhuseleko lomntu.
“Enyanisweni umgaqo-siseko uyakuqinisekisa oku, kufuneka kuphenduleke kuphinde kubekho iziphumo ebezisenzeka kwi-Ikhwezi Lokusa,” utshilo.
Owayesakuba ngumfundi, uLubabalo Mbeki, naye ukhale ngale meko, esithi nangona kukho izicelo ezininzi zokuba kuphuculwe le meko, abafundi “basaqhubeka nokuchanabeka kwimpatho ekhohlakeleyo nethob’ isidima yokuphatha iimfuno zabo ezingundoqo”.
Uthe iinkxalabo zabo nokunxunguphala kwabazali zibhalwe kakuhle, nangona isikolo nephondo bezibophelele ngokuthatha amanyathelo.
“Isimangalo ngoku sithathwa njengecebo lokugqibela,” utshilo uMbeki.
Ngokwengxelo ngomhla wesithoba kwinyanga yeNkanga, isithethi sesebe lezemfundo kuzwelonke uElijah Mhlanga, uthe bayifumene ingxelo evela kwigqiza elijongene nomsebenzi walo emva kotyelelo lwesi sikolo.
Uxelele lo mbutho mtsha ukuba ingxelo kunye neziphumo zayo ziyakukhutshwa xa sele ilungile.
