IBhunga liphumeze ukucinywa kwetyala lamanzi kwabasweleyo.
Ngomhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kweyeSilimela 2024, lo masipala ububambe intlanganiso yesithathu yebhunga lomasipala ombaxa weBuffalo City kunyaka ka-2024 kwiholo yedolophu yaseMonti.
NgoJuni 2023, ixabiso letyala lilonke elixabisa i-R213 yezigidi laacinywa njenge tyala elingenakuhlawuleka ngokubhekiselele kubantu abatyalayo abangathathi ntweni. Oku kwenziwa ngokomgaqo-nkqubo wolawulo lwamatyala kunye namazinga kunye neenkonzo.
Ingxelo ethiwe thaca izolo emvakwemini icacise ukuba iBhunga lithathele ingqalelo ukucinywa kweebhalansi zamanzi ukuya kwisixa-mali se-R123 yezigidi kubathengi ababebhaliswe njengabangathathi ntweni ukususela ngomhla wamashumi amathathu (30) kweyeSilimela ngo-2023.
Ukulungiselela ukucinywa kwamatyala ngoJuni ka-2023, ibhalansi yamanzi yaye yakhutshelwa ngaphandle kuluhlu olucinyiweyo. Ityala lalimalunga ne-189 yeeakhawunti.
Le ntlanganiso ibiphantsi koSomlomo weBhunga uCeba uHumphrey.
Siyakholwa Vuso