Home Iindaba Ibiziwe yasabela inkokheli yombutho wezopolitiko iUDM uBantu Holomisa.

    Ibiziwe yasabela inkokheli yombutho wezopolitiko iUDM uBantu Holomisa.

    Inkokheli yeqela lezoPolitiko iUDM uBantu Holomisa, ngomgqibelo ebetyelele kwidolophana yaseMt Fletcher nalapho ebesabela isimemo sePalamente yaledolophu nebizwa i(Mt Fletcher Parliament)Abahlali balendawo batyhola ngelithi kudala bezibiza iinkokheli zezopolitiko, beziba ngeenjongo zokumamela izikhalazo zabo kodwa akukho nomnye othe wasabela ngaphandle koHolomisa.

    Bathi eyona njongo yesisimemo, kukucela ukuba uHolomisa angenelele kwidabi lokulwela ukusondezwa koMaspala kubo. “UMaspala ukude kuthi kwaye wayelapha ngaphambili. IMt Fletcher yeyona dolophu inkulu kwaye inabantu abaninzi” utshilo umhlali ngethuba encokola nonondaba be(Informer Digital News)

    Eliqela labahlali likwatyhola uMaspala ngokuhamba ngonyawo lonwabu xa kufuneka ehambise iinkonzo kubo kwaye isizathu soko, kukuba ekude. Eliqela lithi loMaspala makazozinza eMt Fletcher hayi eMaclear. Ukuba kungenzeka oko, “ledolophu ingatsho iphuhle kwaye kudaleke namathuba emisebenzi” utshilo omnye umhlali.

    Ukanti ngethuba abahlali bezityand’igila kuHolomisa, batyhole ngelithi abanawo amanzi, iizindlu zeRDP nokunye okuninzi ntoleyo ekhokele ukuba uHolomisa aqinisekise abababantu ukuba izikhalazo zabo uyakuzidlulisela kwabasemagunyeni kuquka noMongameli weli uCyril Ramaposa.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks