Home Ezolonwabo Ibuyile i-7th Harmony nengoma entsha ethi Vukani Makholwa

    Ibuyile i-7th Harmony nengoma entsha ethi Vukani Makholwa

    I-7th Harmony_SA neliqela lomculo elizinze kuGompo, lizingca ngokukhupha ingoma entsha sha emva kweminyaka elishumi bepheka besophula umculo wokholo. Ngoku bathe gqi nengoma ethi “Vukani Makholwa”. ezakukhutshwa ngokusesikweni esidlangalaleni ngomhla wokuqala (1st May 2026)

    Ngokwengxelo ekhutshwe leliqela, lengoma ithi “Vukani Makholwa” isungulwe kwiinjongo zokuvuselela ithemba nokholo kwabo bakholwayo. Kwixesha esiphila kulo, zininzi iingxaki kuquka nezinto ezenza ubani agungqume kwinkolo yakhe okanye oko kumnika amandla okomelela. Yiyo lonto i7th Harmony ithe yenza lengoma ukuvuselela elothemba nkqu nokholo.

    Eliqela laqala lomsebenzi wokuba ngoonomji ukususela ngonyaka ka2007 ze lakhe laphumla kancinci, kodwa ngoku babuyile belungiselela ukondla umphefumlo wabalandeli babo ngomculo wokholo nenkuthazo.

    I-7th Harmony ke iphantsi kobunkokeli obunombono kunye nombhali weengoma uAndo Nkohla nobila esoma neliqela. Akahambi yedwa kodwa ekhatshwa ngumdidiyeli uSiyabonga Hlekani, ozenzele igama namaqela adumileyo kweli afana neTeargas; Vusi Nova; Nathi Mankayi ukubalula.

    Nangona kunjalo iqela elinabo nonomji abazenzele awabo amagama emculweni: uMihlali Mngonyama kwiSoprano; uMihlali Yozi kwiMezzo Soprano; uNomgcobo Diniso kwiAlto; uHope Ntshona kwiMezzo Soprano kunye neAlto; uNikita Jaceni kwiContralto kunye neMidlock; uAkhona Mafani kwiBaritone; uLunga Mpehlo kwiBass; kunye noAndo Nkohla kwiTenor kunye neCounter Tenor. Xa bebonke, bazisa umxube womculo osulungekileyo nomamelekayo kumyalezo wokholo.

    Ingoma ethi “Vukani Makholwa” ayisiyongoma yokuqala nje kuphela; yingoma ekhuthazayo yokuba siphakame size samkele uhambo lokholo. Ingakuphosi xa iphuma.

     

     

     

     

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks