ICCIFSA eMpuma Koloni iqhwabela izandla iSebe lezobugcisa imidlalo nenkcubeko ngokungazenzisiyo, kumsebenzi omhle wamawonga ebebanjwe kuleveki Mbizana umhla we14 Feb 2026
Lombutho wabo bazingca ngenkcubeko nomculo eMpuma Koloni, uthi uyawubulela umsebenzi kaRhulumente wephondo kweliSebe kwaye uncoma uMphathiswa uSibulele Nongogo ngokuqaqambisa izakhono zeMpuma Koloni, kwanokunika ingqwalasela kumagqala adlala indima ebalulekileyo kwinkcubeko yeliphondo.
ULuzuko Khohli omele amagcisa, uthi..ukunika igqwalasela amagqala afana noMamu Lusanda Mcinga, Mnu Vusi Thandi; Nkunz’emdaka ukuyokutsho kooSizwe Zakho yinto echukumisayo kakhulu kwaye ebonisa ukuba eliSebe leNkcubeko liyawazi umsebenzi walo.
Ukuhlabela mgama iCCIFSA ithi ukutshintshwa kweenkokheli eziphethe elisebe kunalo uphazamiseko elenzayo. Kwaye ukuba bengungokwabo iNkulumbuso uOscar Mabuyane ebenokumgcina umphathiswa. Kaloku bathi, rhoqo betshintshwa izingcwangciso eziya phambili ziyema, kananjalo ngamanye amaxesha ziphazamiseke. iCCIFSA ithi nangona kunjalo kukho amagingxi gingxi izimisele ukusebenzisa noRhulumente weliphondo ukuphucula elicandelo.
