15.6 C
King William's Town
Saturday, April 26, 2025

iDA ivakalise inkcaso emandla malunga nokunyuswa kwerhafu enikwe uEskom

IDemocratic Alliance (DA) ivakalise inkcaso emandla malunga nokunyuswa kwerhafu nge-30% enikwe uEskom ngumlawuli wezamandla iNersa, kwaye icela urhulumente ukuba afune ezinye izisombululo zokuhlangabezana nengxaki yombane yesizwe.

Lomba kulindeleke ukuba usiwe kwinkundla ephakamileyo ePitoli nanjengoko iDA ifuna uncedo lomthetho ngokuchasene nokonyuka kwamaxabiso ombane kunye nomceli mngeni othe gqolo kacimi danya wombane okwathwaxa ngokumandla uMzantsi Afrika. Ukanti iqumrhu eliphehla umbane kweli U-Eskom ufumene i-18.65% yokunyuswa kweentlawulo kunyaka-mali ka-2023/2024, elandelwa lunyuso olongezelelweyo lwe-12.74% olucwangciselwe unyaka-mali olandelayo.

Oku kunyuswa kwesantya kuqale ukusebenza ngo-Epreli ka-2023. U Steenhuisen ububona oku njekuthwalisa umthwalo abathengi abasele bejongene nokunyuka kweendleko zokuphila. Inkokeli yeDA uJohn Steenhuisen uthi eyona njongo yombutho kweli nyathelo lomthetho kukuba kubhengezwe ukucinywa koumbane ngokuchasene nomgaqo-siseko. USteenhuisen ukugxekile ukuthembela kukarhulumente ekunyuseni irhafu esithi, “Uluvo lwethu kukuba le yindlela elula yokuphuma kurhulumente xa into ebekufanele ukuba bayayenza ijonge iindlela abanokuqinisa ngazo ibhanti.

Sichitha i-R8 yeebhiliyoni zeerandi minyaka le, umzekelo, kwiinkonzo zokhuseleko ze-VIP, kwizindlu ezinkulu zabaphathiswa, nakwezinye iindawo apho uhlaziyo lohlahlo lwabiwo-mali lunokwenziwa khona, kodwa kulula kakhulu ukudlulisela umthwalo wemali kubathengi.” U-Steenhuisen wagxininisa imiphumo enokubakho yokunyuka kwe-hyperinflationary kwaye wagxininisa ukubaluleka kombane njengelungelo lomntu. Ukuvinjwa kombane ezindlini, ngokukaSteenhuisen, akulunganga kwaye akukho mgaqo-siseko.

Umceli mngeni wezomthetho we-DA uyinxalenye yeenzame zayo ezibanzi zokukhawulelana nomba ongxamisekileyo wobonelelo lombane eMzantsi Afrika, ikhuthaza izisombululo ezibeka phambili intlalo-ntle yabo bonke abemi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
87 %
1.9kmh
35 %
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
33 °
Tue
29 °
Wed
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks