Home Iindaba IDutyulwe yabhubha indoda yaseMozambique eyaziwa njengentloko yokuxhwilwa kwabantu, eRhawutini.

IDutyulwe yabhubha indoda yaseMozambique eyaziwa njengentloko yokuxhwilwa kwabantu, eRhawutini.

INdoda eyaziwa njengoba ngu’Dollarman’ idutyulwe yabhubha ngamapolisa aseRhawutini ngethuba ileqwa. Le ndoda, ityholwa ngokuba yintloko yoorhunta abadume ngokuxhwila abantu ze emva koko bafune imali yokubakhulula.

Umfanekiso: VisionTactical/@X.

USomashishini oluhlanga lwaseIndiya owayexelwe njengoxhwiliweyo, udityaniswe nosapho lwakhe emva kokuba igqiza leNkonzo yaMapolisa oMzantsi Afrika (SAPS) elijongene nokuxhwilwa kwabantu limhlangule ngethuba kuqhutywa utyando olukwashiye indoda yaseMozambique ibhubhile, ityholwa ngokuba yikumkani yokuxhwila.

Lo somashishini waseIndiya waxhwilwa ngomhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyeKhala 2025 kwindawo yakhe yoshishino eBenoni.

Amapolisa aye akhangela lo somashishini kwityotyombe elise-Alexandra emva nje kobusuku bangoLwesine. Ngokuhlwa kwangoLwesithathu, lo mrhanelwa uye wadubulana namapolisa, apho athe wafumana ukonzakala okukhokele ekubhubheni kwakhe.
Isithethi seSAPS kuzwelonke uBrigadier Athlenda Mathe uthe umrhanelwa ngoyena mntu uphambili kumaqela okuxhwila kwingingqi.

“Umrhanelwa, nobizwa ngegama elithi ‘Dollarman’, yinkumkani yokuxhwila efunwayo eMzantsi Afrika naseMozambique, ukwiSERNIC, eluluhlu lwabantu abafunwayo eMozambique, apho ebefunwa ngokuxhwila amatyala amaninzi,” utshilo uMathe.

“EMzantsi Afrika, wayekwanxulunyaniswa ubuncinane namatyala amahlanu okuxhwila ukuze ahlawulelwe kunye nolunye ulwaphulo-mthetho, kuquka ukuqhekezwa kwezindlu, ukuqweqwediswa kweemoto nokuba nemipu ngaphandle kwephepha-mvume.

Uhlangulo luyinxalenye yohlaselo oluzinzileyo lweSAPS kumaqela okuxhwila.

“Ukusukela ngenyanga yeThupha 2021 ukuza kuthi ga ngoku, igqiza elijongene nokuxhwilwa lakwaSAPS libambe abarhanelwa abangaphaya kwamakhulu amathathu anamashumi amathathu anesixhenxe laze lathimba imipu engekho mthethweni engaphaya kwekhulu namashumi amathandathu (146) kwiindawo zolwaphulo-mthetho ezinxulumene nala maqela,” utshilo uMathe.

Uthe iphulo lamva nje liqaqambisa ukuzimisela kwamapolisa ukuphazamisa uthungelwano lolwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo olusebenza ngaphaya kwemida.

“Eli tyala libonisa ukuba akukho sikrelemnqa esingaphaya kwamandla omthetho,” utshilo uMathe.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks