15.4 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

IDutywa yidolophu kwaye inekamva eliqaqambileyo

Imidlalo yamagqibela kankqoyi yeNdebe kaSodolophu iqhutywe ngempumelelo. Oompondo zihlanjiwe abazibambele indawo yokuqala kulomdlalo nguSodolophu uCeba Samkelo Janda ekunye nabaxhasi, nooCeba:
– liqela lebhola laseWadi 24 kuGatyana, zintshatsheli eziye zawongwa nalapho bezifumanele Indebe, iXabiso lamakhulu eerandi(R1000), Ikiti kunye nebhola.
-Iqela lebhola yomnyazi lakwaWadi 32, eXhorha nalo ngokunjalo lizeke mzekweni lawongwa ngezipho ezifanayo nezo zeleqa lebhola ekhatywayo kwindawo yokuqala.

Abazibambele indawo yesibini kwibhola ekhatywayo nguWadi 12, yaze yaba nguWadi 27 kwibhola yomnyazi. Nabo bawongwe ngeNdebe, iKiti, ibhola. Amaqela attached inxaxheba kwimidlalo yokugqibela nawo awahambanga nalize kuba azifumanele iKiti kunye nebhola.

Phambi kokuba imidlalo iqale, uSodolophu wamnkele uluntu kwibala lezemidlalo eNgxakaxha eDutywa. Unikeze amazwi obulumko kubadlali nalapho ebalule ukuthi imidlalo inendima enkulu ekwakheni umntwana kwaye isusa.

USodolophu udlulise umbulelo ongazenzisiyo kubaxhasi balemidlalo; iqela leBush Bucks elikhokhelwa nguMnu. Ray Mpekula, Discovery kaMnu. Graham Andrews, Vodacom, i-ABSA bank kunye nabaququzeleli ngokudlala indicated enkulu ukuphumeza lemidlalo. UXola Sitela, unompempe owaziwayyo osele ephuhlile nophume izandla odlakisa imidlalo ekwinqanaba elingentla, nosuka kummandla waseMbhashe ugqithise amazwi enkuthazo kubadlali ebalula ukubaluleka kwayo.

USomlomo uCeba Babalwa Majavu kunye noCeba bebhubga laloMasipala bayizimasile lemidlalo. Uluntu nalo lubonakalise inkxaso engathethekiyo. Oku kubonakalise ubumbano phakathi koluntu nanjengoko kubhiyozelwa ubuAfrika kulenyanga.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
66 %
3.3kmh
54 %
Fri
41 °
Sat
26 °
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks