ULiyabona Mrasi lityendyana elineminyaka eli-15 ubudala,wenza ibanga leshumi kwisikolo iXolilizwe S.S.S eNqadu ku Gatyane.
Uzalelwe kwidolophu yaseDutywa kwilali yase Ngcingwane . Ukanti le dyongwana ikwayimbongi yomthonyama.
Sele kuphele iminyaka emine lokaMrasi eyimbongi,”ndiyi nkwenkwe ezimiseleyo ngoku funda kwaye ndifundisa abantu ngamasiko nezithethe zethu” utshilo ULiyabona.
Kwaye uphinde wasixelela ukuba njengoba eyi nkwenkwe nje ungenele Indoni kwakunye ne Nkciyo EC eququzelelwa ngu Nasizo Mndende ,”ndinethemba lokuba ndizohlala ndikhuselekile kwiziyobisi ezigqiba isizwe kwaye ndingu mzekelo kumakhwenkwe asakhulayo.
Uthi uzimisele ukuphelisa udlwengulwa kwentombi noMama (GBV),uhlukumezo kwimbokodo zeli. Abengu mzekelo kumakhwenkwe afuna ungenela iNkciyo oyika uhlekwa ngabahlobo.
“Njenge nkwenkwe enenjongo zokuba kuphele uxhaphazo Kweli lethu,ndithi makubuyelwe embo. Amakhwenkwe neentombi zingenele iNkciyo kuba kulapho umntu afunda khona ngokuziphatha,afunde banzi ngoku lungele isizwe sethu” waleke ngelitshoyo uLiyabona.
