7.4 C
King William's Town
Saturday, July 19, 2025

Ifumene udilika jele indoda ebulele iqabane phambi komntana wabo.

By Asipile Kitchen.

INkundla yeNgingqi yaseNxuba imnike udilika jele uJohn Evan Williams (35) ngokubulala ngokukhohlakeleyo iqabane lakhe uPatricia Williams (29), umsebenzi wasefama owabethwa wabulawa kwiFama yaseLombard Russ kufutshane neCradock ngomhla wesibini kweyeSilimela 2024.

Esi siganeko senzeke emva kokuba esi sibini, sikhatshwa yintombi yabo eneminyaka esibhozo ubudala betyelele isihlobo sabo kwakule fama inye. Ngelixesha lotyelelo, basela ibhiya eyenziwe ekhaya baza kamva bagoduka. Endleleni, kwaye ngaphandle kokucatshukiswa uWilliams waqalisa ukumbetha ngogonyamelo uPatricia phambi komntwana wabo. Intombazana eselula, ekhuselwe iinkcukacha zayo, yakhala imcenga uyise ukuba aluyeke olo hlaselo.

Abahlali ababini basefama ababona oluhlaselo bazama ukungenelela kodwa umtyholwa wabagxotha, enyanzelisa ukuba angenza unothanda kuba uPatricia liqabane lakhe. Oluhlaselo lalubandakanya amanqindi, ukukhaba, ukurhuqa nokukrwitsha ngesandla. Laqhubeka ekhayeni labo oluhlaselo apho washiya uPatricia engekho zingqondweni. Intombi yabo kamva yangqina, ngomabonakude ovaliweyo kunye noncedo lomthetheli, ukuba uyise wabetha umama wakhe ngentonga kunye nentsimbi ngaphakathi kwikhaya labo.

Ngentsasa elandelayo, umntwana wafumana umama wakhe engaphenduli. Iinkonzo ezingxamisekileyo kunye namapolisa abizwa, kwaye uPatricia kwathiwa ubhubhile kwindawo yesiganeko. UWilliams wabanjwa emva kwentsuku ezintathu.

Ebudeni betyala, uMtshutshisi weNkundla yeNgingqi uMakabongwe Seyibokwe uye waveza ubungqina obubambekayo obuvela kumangqina amabini, intombi eneminyaka esibhozo ubudala, kunye nogqirha wasenkundleni. Urhulumente wagxininisa inkohlakalo yohlaselo, ukuba sesichengeni kwexhoba, nokwenzakala ngokweemvakalelo emntwaneni.

Xa wayezithethelela, uWilliams wathi uPatricia wawa ngokuphinda-phindiweyo ngenxa yokunxila. Nangona kunjalo, ubungqina bezonyango bubonakalise unobangela wokufa njengomonzakalo wamandla kunye nokukrwitshwa ngesandla, ukuphelisa nakuphi na ukwenzakala ngengozi.

UWilliams waliphika ityala, enikezela ngokukhanyela. Inkundla yayikhaba ngawo omane inguqulelo yakhe njengebubuxoki yaye ingenakwenzeka, isamkela ityala likaRhulumente. Ingafumani iimeko ezibambekayo okanye ezinyanzelisayo zokutenxa kwisigwebo esisezantsi esimiselweyo, inkundla yabeka isigwebo sobomi entolongweni.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uMnumzana Barry Madolo, usamkele esi sigwebo.

IGunyabantu lezoTshutshiso leSizwe liyasamkela esi sigwebo, libethelela ukuba ubundlobongela obusekelwe kwisini, ngakumbi xa bubonwa ngabantwana, abuyi kunyanyezelwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
7.4 ° C
7.4 °
7.4 °
86 %
2kmh
0 %
Sat
19 °
Sun
27 °
Mon
18 °
Tue
20 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks