Home Iindaba IGOSA LAMAPOLISA ELINGEKHO MSEBENZINI LIBAMBE ABARHANELWA BOKUPHANGA EMONTI

IGOSA LAMAPOLISA ELINGEKHO MSEBENZINI LIBAMBE ABARHANELWA BOKUPHANGA EMONTI

USajini wamapolisa ongekho msebenzini okwiPublic Order Policing wagaxeleka kuphango obeluqhubeka kwishishini eMonti kwaye intsabelo yakhe yakhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa ababini ngenjikalanga yayizolo, ngomhla wemashumi amabini ananye kweyeSilimela.

Kutyholwa ukuba ngezithuba zentsimbi yeshumi elinesihlanu (15:30) ummangali oneminyaka engamashumi amane ananye (41) utyhole ngelithi wayesevenkileni yakhe ekwisitalato iTerminus eMonti ngethuba kungena amadoda amabini, amadoda amkhomba ngompu. Umncedisi wakhe wabaleka. Abarhanelwa bafuna oonomyayi logama kwangaxeshanye bezinceda ngabahlanu oonomyayi.

Bathe xa bephuma evenkileni kwangena eli polisa, abarhanelwa babakhombe ngalo mpu ze emva kokubalumkisa ukuba banikezele, lawela ezindlebeni ezingevayo, eli gosa labadubula kabini libabetha kumzimba ongentla.

Oonomyayi ababiweyo bafunyenwe kubo. Baye basiwa esibhedlele ukuze bafumane unyango.

Ityala lokuphanga ishishini liyaphandwa. Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala ukwafunyenwe ephethe malunga neshumi lepilisi zemandrax kunye nentsangu. Wabekwa ityala lokufumaneka neziyobisi.

Abarhanelwa abaneminyaka engamashumi amabini anesithandathu(26) namashumi amathathu anesibini (32) ubudala kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi yaseMonti kungekudala.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks