Home Iindaba Igosa leMicimbi yezeKhaya ligwetyelwe ukuphisa ngeeZazisi kubemi bangaphandle.

Igosa leMicimbi yezeKhaya ligwetyelwe ukuphisa ngeeZazisi kubemi bangaphandle.

IGosa leSebe lezeKhaya eMpuma Koloni lizibhaqe sele lintyumpantyumpeka emanzini ashushu emveni kokuphisa ngeezasizi zabemi boMzantsi Afrika kubemi bangaphandle abaseMzantsi ngokungekhomthethweni kunye nokophula umthetho weIdentification Act.

UTony Stout, 31, ufunyenwe enetyala kwinkundla kamantyi yomthetho eGqeberha ngoLwesibini, umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kuCanzibe 2024.

UStout wayeqeshwe njengonobhala wesebe.

Ngokwengxelo yephepha-ndaba iIndependent Online, isithethi secandelo loPhando oluPhakamileyo ephondweni (ooKhethse), uKapteni Yolisa Mgolodela uthi isikhalo sifakwe KwaZulu-Natal.

“UStout oqeshwe njengoMabhalane kwiSebe leMicimbi yezeKhaya eCleary Park uye wasebenzisa ngobuqhophololo iinkcukacha zezazisi zabemi boMzantsi Afrika ukuze atshintshe iifoto zabemi bamazwe angaphandle abafake kwizicelo zeepasi zaseMzantsi Afrika. Oku kubhaqwe ngethuba kuqhutywa umsebenzi kuzwelonke emva kokuba kufakwe isikhalazo ngummi waKwaZulu Natal,” utshilo uMgolodela.

Emva kwesi sikhalazo, lo mba udluliselwe kwiqela loPhando olumandundu loLwaphulo-mthetho lwezoRhwebo elizinze eGqeberha.

“Uphando luqinisekise ukuba uStout uququzelele iintengiselwano ezininzi zesazisi ezinobuqhophololo ngaloo ndlela etyeshela i-Identification Act ukuze axhamle yena. UStout wabanjwa ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kuMatshi ka-2021, wavela okokuqala kwinkundla kamantyi womthetho eGqeberha apho wakhululwa ngesilumkiso,” utshilo uMgolodela.

Emva kothotho lokuvela enkundleni, uStout uye wawavuma amatyala awayebekwe wona ngoLwesibini, umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kuCanzibe 2024.

Ityala liye lamiselwa umhla wamashumi amathathu ananye kuCanzibe, ukuze ligwetywe.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks