18.6 C
King William's Town
Friday, January 24, 2025

Igosa lesipolisa ebelingekho msebenzini libambe umrhanelwa ophange iselula

Igosa elingekho emsebenzini elivela kwiQela le-Motherwell Tactical Response Team, ngoncedo lweYunithi yenkonzo yesipolisa iMotherwell Crime Prevention ngempumelelo libambe umrhanelwa laze lafumana umpu emva kokuphangwa ngoLwesithathu, umhla wesi-6 kweyoKwindla ngowama-2024, eMotherwell.

Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi ye-18:15, amapolisa aseMotherwell aphendule kwisikhalazo sokuphangwa ebesiqhubeka kwisitalato iMgwalana, kwaNU6. Ekufikeni kwalo, eli gosa beliziqeqesha kwiziko lezemidlalo elikufutshane xa laxelelwa ukuba ibhinqa elithile liphangwe iselfowuni yalo. Umrhanelwa ubonwe ebaleka kwaye eli lungu ngoko nangoko latsibela kwisithuthi sakhe sabucala lamleqa.

Umrhanelwa utsibele kwimoto yohlobo lweToyota Tazz engwevu eyamiswa lipolisa. Umrhanelwa obandakanyeka kuphango, uchongiwe. Kufunyenwe umpu we-9mm, imbumbulu enye kunye neselfowuni ebibiwe. Umrhanelwa, onamashumi amathathu anesibini eminyaka ubudala, ubanjwe ngezityholo zokuphanga esebenzisa umpu, nokuba nemipu kunye neembumbulu ezingekho mthethweni.

Umrhanelwa uvele kwinkundla kamantyi yaseMotherwell ngomhla wesi-7 kweyoKwindla ngowama-2024.

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMaj Gen Vuyisile Ncata, uncome ilungu elingekho emsebenzini eliye lagqitha ngaphaya kwesicelo sokuqinisekisa ukhuseleko loluntu. “Isenzo sakhe esikhawulezileyo kunye nobugorha ekubambeni umrhanelwa ngelixa engekho emsebenzini ngumzekelo wemigangatho ephezulu yokuzinikela kunye nokunyaniseka,” wongeze watsho uMaj Gen Ncata.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
18.6 ° C
18.6 °
18.6 °
77 %
1.9kmh
28 %
Fri
33 °
Sat
35 °
Sun
36 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks