Igqala leAfrican National Congress (ANC) uMavuso Msimang uthi eyona mpazamo yakha yayenza iANC kukuvumela ukubhaliswa kombutho woMkhonto weSizwe (MK) phantsi kwegama lephiko lawo elachithwayo elixhobileyo.
Oku kwakusemva kokuba owayesakuba nguMongameli uJacob Zuma oyinkokeli yeMK Party egxothwe kwi-ANC yikomiti yoluleko yalo mbutho.
Le komiti ifumanise uZuma enetyala lokwaphula icandelo lomgaqo-siseko wombutho.
UZuma uneentsuku ezilishumi elinethoba (19) zokubhena kwesi sigqibo. UMsimang uthi iANC Veterans League iyakwamkela ukugxothwa.
“I-ANC ayikhathali kangangokuba ivumela abanye abantu ukuba bathathe lo mbutho kuphela phantsi kweebhanile apho abantu abafana noSolomon Mahlangu namanye amagorha baye emajukujukwini soyisakele ukuyikhusela le nto. Ubalula uChris Hani ngelizwi elinye noJohn Hlophe, ingenzeka njani lonto? Yeyona nto imbi kakhulu leyo kwaye kusekho imfuneko yokufumana indlela yokunxibelelana nezizukulwana ezitsha ngoku kuba uMkhonto weSizwe ungeyonto le.”
UMsimang uxoxa ngelithi uZuma bekungafanelanga ukuba abe nguMongameli kwasekuqaleni, esalatha kwimiba yezomthetho kaZuma yangaphambili kunye nomonakalo owenziwe kwisidima se-ANC.
“IVeterans League iyasamkela isigqibo. Uyonwabile ngenkqubo elandelwayo kwaye uyavuya kakhulu ngesiphumo. Into yokuba ade wonyulwa njengomongameli ibonisa umgangatho wamalungu eANC. Lo ngumntu owanyulwa kwesi sikhundla ngo2007 emva kokuba inkundla yafumana umntu enetyala yaze yamgweba iminyaka elishumi elinesihlanu ngokunyoba uJacob Zuma. Lo mntu simnyule ngexesha apho kukho izihloko zamatyala ngaye,” utshilo uMsimang.
