Home Iindaba IGqiza loLuntu Engcobo alihoywa kutyelelo lwabo eUnion Buildings njengoko kucengwa ukuba uRhulumente...

    IGqiza loLuntu Engcobo alihoywa kutyelelo lwabo eUnion Buildings njengoko kucengwa ukuba uRhulumente angenelele.

    IGqiza loLuntu Engcobo eMpuma Koloni alixolanga emva kokuhamba imigama emide ukusuka kumakhaya abo lisiya kwiZakhiwo zoManyano eTshwane, oko benze ukuba bangakwazi ukwenza oko bakuyeleyo.

    By Nyameka Lamani.

    IGqiza loLuntu Engcobo eMpuma Koloni alixolanga emva kokuhamba imigama emide ukusuka kumakhaya abo lisiya kwiZakhiwo zoManyano eTshwane, oko benze ukuba bangakwazi ukwenza oko bakuyeleyo.

    Ngokutsho kwelinye igqiza labahlali baseNngcobo uGcobani Nkwele, injongo yabo kwiZakhiwo zoManyano ibikukulanda igqiza elisuka kwiofisi kaMongameli uCyril Ramaphosa ukuba behle baye eMpuma Koloni nabo ukuya kushukuxa izikhalazo zabo malunga noMasipala wabo waseDr AB Xuma.

    “Sifuna ukuba uMasipala wethu afakwe phantsi kolawulo lukarhulumente kuzwelonke kuba sikholelwa ukuba buninzi ubuqhophololo obuqhubekayo, njengokuba umlawuli kazwelonke ethe wathatha iintambo, makuqeshwe inkampani yophicotho-zincwadi ukuba ijongisise iincwadi zikaMasipala ukusukela mhla bangena ezikhundleni kwiminyaka emihlanu edlulileyo okanye ngaphezulu,” utshilo.

    Igqiza labahlali eNgcobo lifike kwizakhiwo zomanyano ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeKhala 2025, emva kokuhamba ubusuku bonke lisuka eMpuma Koloni kwaye belilele kwipaki esecaleni kwezakhiwo zomanyano.

    “Ekufikeni kwethu sasilele ngaphakathi kwiiveni zethu kanye ngaphakathi kwibala lezakhiwo zemibutho, kodwa emva kweentsuku ezimbini sacelwa ukuba siphume kwindawo yezakhiwo zemibutho kuba bekuza kubakho umsitho owawusingathwe yiTalk Radio 702, yiyo lo nto nanamhlanje silala epakini,” ucacise watsho uNkwele.

    “UMasipala wethu weNgingqi iAB Xuma, njengabo bonke abanye ooMasipala eMzantsi Afrika, yingqayi yobusi kubantu abafuna ukwenza imali ekhawulezileyo kwaye ngaphandle korhwaphilizo kumasipala waseAB Xuma, kukwakho ubuqhophololo, ukucalulana kunye nolawulo gwenxa, kwaye sicingelwa ukuba asizukuyiyeka le nto ibole iqhubeke kodwa kufuneka senze into ngayo uvuselelwe uNkwele.”

    Uveze ukuba baqale bafaka ixwebhu lezikhalazo zabo kumasipala wengingqi iAB Xuma malunga nobukrelemnqa obuqhubeka phaya, kodwa akhange ahoywe amabango abo.

    Emva koko bakhalaze kwiNkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane malunga nobukrelemnqa obufanayo kodwa izikhalazo zabo zawela kwiindlebe ezingevayo.

    Bathe emva koko bafaka izikhalazo zabo kwiSebe leNtsebenziswano noRhulumento weMicimbi nezeMveli (COGTA) eMpuma Koloni kwaye abakhange baphendule bade bafikelela kwiCOGTA kwinqanaba likazwelonke.

    “I-COGTA kazwelonke ilufumene uxwebhu lwethu kodwa ingxaki iye yavela xa becebisa ukuba sihambe umgama oziikhilomitha ezingama-200 ukusuka e-Engcobo ukuya eMonti siyokuxoxa ngemiba echaphazela uluntu lwethu kwaye sabona ukuba esi siphakamiso asisebenzi, kwaye sayibeka yacaca into yokuba u-COGTA kufuneka ehle aze e-Engcobo kulapho ingxaki yethu ikhoyo, kwaye ngenxa yoko iCOGTA yeSizwe yaphelelwa ngumdla kwingxaki yethu kuba bengafuni ukwehla baze e-Engcobo,” utshilo.

    Igqiza lenziwe ngamalungu oluntu angamashumi amabini anambini (22) kunye nabaqhubi ababini (2).

    “UMphathi kwiofisi kaMongameli uVincent Ngcobondwana walile kwaphela ukuza kusihlangabeza nalapho exelelwa ngobukho bethu kwincoko yomnxeba ekwiZakhiwo zoManyano samva emnxebeni esithi siyadika kwaye siyasokolisa,” utshilo.

    UNkwele ugxeke iNkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane ngokusilela kwabo; emchaza njengomntu ongamelanga nto ngaphandle kweesuti ezimenyezelayo nezibane eziluhlaza.

    Nangona kunjalo, igqiza likwazile ukufaka isikhalazo kwi-ofisi yoMkhuseli woluNtu eTshwane kwaye langenisa ubungqina obubambekayo malunga nobubi obumandla kuMasipala weNgingqi wakwaDr AB Xuma.

    Eli gqiza lilele ngaphakathi kweentente kwaye lisinde ngeminikelo evela kubantu abohlukeneyo, imibutho kunye nemibutho yezopolitiko.

    Baza kubuyela ekhaya eMpuma Koloni ngomhla wesixhenxe (7) kweyeThupha 2025 kodwa nangona benikwe igxalaba elibandayo kwizakhiwo zomanyano, bathe bawuvezile umbono wabo kuba ingxaki yabo ngoku iyaziwa kuzwelonke.

    Elinye ilungu legqiza uZikhona Sikhukazi uxelele iTshwane Talks ukuba beze eTshwane kuba amabango neenkxalabo zabo azikahoywa eMpuma Koloni.

    “Akukho nto ilungileyo iqhubekayo kumasipala waseDr AB Xuma kwaye oosomashishini abancinci abayinikwa inkxaso abayidingayo kwaye amathuba oshishino anikwa izihlobo nezalamane zamagosa kamasipala,” utshilo.

    “Sizamile ukunkqonkqoza kuzo zonke iingcango kurhulumente ukuze sifumane uncedo malunga nemeko esikuyo kodwa iinzame zethu ziye zabonakala ziphanzile, yiyo lo nto sithe gqolo ukuza apha kwizakhiwo zomanyano kuba imeko imbi kakhulu kumasipala wethu njengoko kungekho misebenzi, izikolo ziphelelwe lithemba kwaye iyekile neprojekthi yokwakha ibhulorho kwindawo yethu,” litshilo elinye ilungu lombutho uZandile Dlodlo.

    “Silapha ukuzokhalaza ngobuqhophololo nokukhethana ngobunye kwabantu kumasipala wethu kwakunye nokungabonelelwa kweenkonzo kwimiba efana neendlela, amabala emidlalo kwaye size kubona uRamaphosa ngokwakhe ukuze azokubona ukuba sinjani na e-Engcobo kwaye ndithi abo babandakanyeka kubuqhophololo base e-Engcobo ayingomaKristu kwaye mabaye entolongweni,” likhalele ngelitshoyo elinye ilungu legqiza elilixhego, uVhakutshiwo Gigi.

    INkosi yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo naye uze kubonakalisa inkxaso yakhe kwigqiza labahlali base-Engcobo kwizakhiwo zomanyano.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks