Intetho yobume bePhondo ngoLwesine eyenziwe yinkulumbuso yephondo leMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, iphawuleka ngokuphazanyiswa yiEFF, ethe amalungu ayo epalamente akhutshelwa ngaphandle, ngelixa abafundi nabanye abahlali bedibene ngaphandle befuna ukuthetha naye.
Ilungu le-EFF ePalamente uSimthembile Madikizela uthe banelungelo, ngokwemigaqo yendlu yowiso-mthetho, ukuphazamisa inkqubo nokuphakamisa imiba ebalulekileyo eluntwini.
“Besifuna uSomlomo avumele iNkulumbuso ukuba ithethe nabafundi ze emva koko ithethe nephondo,” utshilo.
Iinkonzo zokhuseleko ziye zabizwa ekugqibeleni ukuba zikhuphe amalungu e-EFF, ajoyine abafundi abanomsindo abaphuma kwiikholeji zeTVET, eYunivesithi yaseFort Hare kunye neWalter Sisulu ngaphandle kweAbbotsford Christian Centre ebirhanqwe yinqwaba yabezokhuseleko.
Ulibaziseko lweNkqubo yeSizwe yoNcedo lwezeziMali yaBafundi (NSFAS), iintlawulo zezibonelelo, ukungabandakanywa kwizifundo ezingasonjululwanga ngenxa yokuhlawulwa kade nguNSFAS, kunye neendawo zokuhlala ezingakhuselekanga yeminye yemiba ephambili kolu qhankqalazo.
Umququzeleli weRise Mzansi ephondweni, uPumla Ngesi, naye uvakalise ukuxhalaba kwe-EFF.
Uthe uMabuyane, othi iphondo linebali elimnandi elifuna ukubalisa, ukude kwaye akadibanisi nemiba abantu abajongana nayo.
“Ezi ngxoxo zibonakalisa into ebisenzeka ebantwini kule minyaka ilishumi elinesihlanu idlulileyo, into esiyibonayo ‘kukuqhawuka’ phakathi kweenkokeli zopolitiko nabaphumezi bemigaqo-nkqubo.
“Babhala kwaye babonise imigaqo-nkqubo emihle yolutsha nabafundi kwi-NFAS, i-Arhente yoPhuhliso loLutsha yeSizwe, kodwa xa kufikelela ekuphunyezweni akukho mntu ufumana uxanduva lokuphendula nantoni na.
Abahlali baseReeston nabo bebengaphandle kwendawo yendibano benethemba lokujongana nemiba yezindlu nenkulumbuso.
Ilungu lasekuhlaleni, uZukile Mtotywa uthe la matyotyombe abhaliswa kwizindlu zeRDP ngo2009, nalapho kwathi kuqalwa ulwakhiwo kunyaka-mali ka2018/19, babenethemba lokuba imithandazo yabo iphendulwe.
“Ukugqiba kwethu ukwakhiwa kwezindlu ngo2021, sabona abantu esingabaziyo bengena ezindlini zethu, sabalumkisa abasemagunyeni, siye saya kuwo onke amasebe achaphazelekayo akukho mntu unikeze ngempendulo ebambekayo malunga nemeko yethu.
Ngelixa abemi abanomsindo beqhankqalaza ngaphandle, ngaphakathi kule ndawo uMabuyane uthethe ngebali lenkqubela phambili entle.
“Nangona sijamelene nemiceli mngeni, siyakwazi ukunyamezela, sinesidima, kwaye sibonakalise ubuntu obukhulu omnye komnye kule minyaka mihlanu idlulileyo, utshilo uMabuyane.
Ukusukela ngo-2019, sakhe izikolo ezisondele kwi-100, sizuze umyinge wokupasa imatriki eyi-80.4% ngo-2023, kwaye sisebenze ngokuzimisela ukuphucula umgangatho wezempilo wephondo lethu”.
Kubekho ukuncipha okubonakalayo kwinani lamabango onyango olusemthethweni ukusuka kuma-600 ngo-2019 ukuya kuma-200 ngo-2023, iindleko zokumangala ziye zehla ukusuka kuluhlu lweebhiliyoni ezi-R2 ukuya kwi-R450 yezigidi ngo-2022.
UMabuyane ubalule ukuba kule minyaka mihlanu idlulileyo bakhe izindlu ezingaphaya kwamashumi amabini anesine amawaka, iindawo zokuhlala ezisesikweni zonyuke kakhulu ukusuka ku-48% ngo-1996 ukuya ku-83.6% ngo-2022.
“Sikwazibophelele ekufakeni izikhululo zokutshaja iimoto zombane ezilishumi elinesithathu eKomani, eMakhanda, eMthatha, eKhowa, eMaletswai, eMonti, eQonce, eWillowmore, eStormsriver, naseCookhouse, iqhubeke yatsho inkulumbuso.
Izikhululo zokutshaja iimoto ziya kuba kwi-intanethi ngoMeyi ka-2024, ”utshilo.
INkulumbuso uMabuyane ukwathe urhulumente uzakube eqinisa iinzame zakhe zokukhawulelana nokukhulelwa kolutsha emva kokuba isebe lezempilo ephondweni kweyoMnga lidize ukuba amantombazana angama-553 angaphantsi kweminyaka elishumi elinesine athe abeleka kwiphondo liphela kulo nyaka-mali uphelileyo.