Igwetyiwe namhlanje indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala yase Gqeberha eMotherwell, igwetywa kwi Nkundla ye Ngqingqi ngetyala lokudlwengula, ukuxhwila kwa nokuphanga iNkwenkwana eneminyaka elishumi elinesine ubudala ngonyaka ka2021.
Ngomhla wamashumi amabini ananye kwi nyanga ka January wonyaka ka 2021, umtyholwa uAnele Kakaza waye waxhaphaza leNkwenkwana kwisitalato iZamukulungisa eNU2 kwaye emgrogrisa ngokumhlaba.
Ixhoba lalisendleleni egodukayo libuya ekudlaleni ibhola ekhatywayo ngexa lidibana nomtyholwa eliqweqwedisa ze wamdlwengulela kwi Holo yoluntu.
Lendoda iye yabanjwa kwangalo mini inye nguDetective Warrant Officer Riaan Smith we lCandelo lobundlobongela nokhuseleko lwabantwana. Wahlaliswa eziseleni kwabe kanti ityala lakhe liyagwetywa namhlanje. UGwetywe ubomi ngetyala lokudlwengula, iminyaka elishumi elinesihlanu ngokuxhwila kunye neminyaka emihlanu ngelokuphanga. Zonke ezizigwebo zihambelana nesisigwebo sobomi.
UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay uMaj Gen Vuyisile Ncata, uthi usamnkele isigwebo esinikwe ummangalelwa, eqhube ngelithi ubuchwephesha be Candelo labo lokhuseleko lwa bantwana kunye nolwaphulo mthetho ngakweze sondo I FCS bubalulekile ekuqinisekiseni ukuba abadlwenguli nabaxhaphazi ngokwe sondo bayasuswa ku luntu esith uyawuncoma umsebenzi omhle wama Gosa aphandayo kunye ne Gunyabantu lezotshutshiso.
