Home Iindaba IHolo leDolophu yaseDutywa lifumene uphuhliso.

    IHolo leDolophu yaseDutywa lifumene uphuhliso.

    Izolo, umhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kweyeSilimela 2025, uSodolophu woMasipala waseMbhashe uCeba Samkelo Janda uye wanikezela kwaye wavula ngokusesikweni iholo yedolophu yaseDutywa ehlaziyiweyo.

    Umfanekiso: USodolophu woMasipala wasekuHlaleni iMbashe, uCllr Samkele Janda.

    By Buhle Nomgalasa. 

    Injongo yolu hlaziyo ibikukuhlaziya iHolo leDolophu, ukuqinisekisa ukuba liyahambelana nemigangatho yale mihla ngelixa igcina ilifa lenkcubeko nezakhiwo zayo.

    Eli Holo linendawo yee-ofisi, indawo yokuhlambela yoluntu, indlu yonogada, iitanki zeJojo kunye neGumbi leeNgxoxo phakathi kwezinye iindawo. Njengenxalenye yeenzame zokudala amathuba emisebenzi, kuye kwaqeshwa abantu abangamashumi amabini (20) bebonke ngethuba leprojekthi.

    Othethe egameni labahlawuli beRhafu uNksz Nonceba Klaas uthe uyamncoma umasipala ngomsebenzi owenziweyo kwaye uyawamkela lo msebenzi.
    “Umasipala usaqhubeka nokubuyisela isidima sabemi bakhe ngokunikezela ngeenkonzo, ngoku siza kukwazi ukusingatha imisitho nemibhiyozo yethu”, utshilo uKlaas.

    UCeba Janda ugxininise ukubaluleka kokugcinwa nokubuyisela iindawo zethu ezililifa lemveli. “Siza kuqhubeka sisebenza kwaye siqinisekisa ukulungiswa kweendawo zethu ezililifa lemveli kunye nezibonelelo zoluntu, kungekudala siza kusebenzela ukuphakamisa iHolo leDolophu yaseWillowvalle” utshilo uCllr Janda.

    Ubongoze kubaphathi abaphezulu ukuba baqinisekise ukuba amaziko ayagcinwa kwaye abe mahle.

    “Ezo zibonelelo zikwayimbuyekezo kutyalo-mali njengoko kufuneka siqinisekise ukuba siqokelela ingeniso ngokuqesha iiholo nokusetyenziswa kweendawo zangasese zoluntu”.

    USodolophu weSigqeba umemelele uluntu ukuba luqinisekise ukuba bayawakhusela amaziko kamasipala ekonakalisweni nasekubiweni.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks