IiHawks zibambe umrhanelwa wesithathu kwityala lokubulawa komtshutshisi woluntu waseGqeberha, uTracy Brown (42), nto leyo ethathelwa ingqalelo njenge nyathelo elibalulekileyo kweli tyala.
Umrhanelwa oneminyaka eyi-33 ubudala ubanjwe ngoMgqibelo, umhla wama-20 kuDisemba ka-2025, kwindlela iN1 kitchenette neBloemfontein, emva kokulandelela ulwazi kumaphando ahlukeneyo.
Amapolisa akholelwa ukuba ebezama ukuphepha ukubanjwa ngokubaleka eMpuma Koloni. Abanye abarhanelwa ababini abanxulumene noku kubulawa babanjwa ngoSeptemba yaye basahleli eluvalelweni.
UTracy Brown wabulawa ngo-Agasti ka-2025 kufutshane nekhaya lakhe eGqeberha. Ngexesha lokubanjwa kwakhe, umrhanelwa wafunyanwa enee-Selula ezintathu, eziye zathathwa ukuze zisetyenziswe kuphando oluqhubekayo. Kukwafunyaniswe ukuba lo mrhanelwa ufunwa nakwityala lokuzama ukubulala elivulwe eKwaZakhele SAPS eGqeberha.
Umrhanelwa uyr wavela okokuqala phambi kweNkundla i-New Law Court eGqeberha namhlanje umhla we-24 kuDisemba ka-2025. Laza ityala lamiselwa umhla wesithathu(3) kwinyanga kaMarch kulonyaka uzayo.
Abaphathi beeHawks bamncome umsebenzi omhle wamapolisa ekuqinisekiseni ukuba umrhanelwa uyabanjwa aze angina nengalo yomthetho.
