Kulindeleke ukuba livulwe ityala lokubulala ngokungenanjongo emva kwengozi yokungqubana kwezithuthi ezintathu okweenkunzi zegusha kuhola wendlela uN2 odibanisa uM4 cebukuhle eGqeberha ngakwisitalato esisingisele eHumansdorp.
Iingxelo zidiza ukuba kulengozi kubhubhe abantu ababini ze abanye abalimele ngokumasikizi bafumana unyango lokuqala kwakwindawo yexhwayelo ze kamva bangeniswa esibhedlele ukufumana unyango oluphangaleleyo. Esi sehlo senzeke ngomhla we- 22.12.2021 ngoqhiza lwentseni (ngo-00H20) kwindlela u-N2 kunye no-M4 ongena eGqeberha nase-Humansdorp.
Kwezizi thuthi iilori zimbini kuzo bezihamba zisiya kwicala elinye , enye yezilori irhuqa iitreyila ze omnye wabaqhubi bezilori waphulukana nokusilawula isithuthi zaze zangqubana zombini ezilori zibandakanya isithuthi esiluhlobo lweMinibus nebesikhwelise abantu abathathu nomqhubi osuka eNtshona Koloni.
Umqhubi weteksi (Minibus)uthe wavaleleka kulengozi ngaphakathi ngenxa yesimo nothe wachazwa kamva njengobhubhileyo emva kokukhutshwa lisebe lohlangulo olungxamisekileyo.
kusenjalo umkhweli wale-Minibus uthe wasweleka yena ekufikeni kwakhe eSibhedlele. Abonzakeleyo basiwe kwiSibhedlele sePhondo saseLivingston ukuze bafumane unyango oluthe kratya. Ukanti iingxelo ezithe vetshe ngesisiganeko zisaphandwa okwakalokunje nanjengoko isehlo sisephantsi kophando lamaqela achaphazelekayo.
Ityala lokubulala ngokungenanjongo lizakuvulelwa eMount Road Saps ukuze kuqhutyekwe nophando
