By Asemahle Mbete.
UMphathiswa wezothutho uBarbara Creecy uthi urhulumente ukhethe iinkampani zabucala ezilishumi elinanye (11) ezinokuthi zincedise uTransnet ekuthutheni imithwalo ngoololiwe.
Oku ukuveze ePalamente ngethuba ephendula imibuzo kwiNdlu yoWiso-mthetho.
Nangona kunjalo, uCreecy uthe iinkampani ezikhethiweyo kusafuneka zihambe uvavanyo lolawulo ngaphambi kokuba zikhethwe ngokusesikweni.
Uthi kulindeleke ukuba le nkxaso yongezelelekileyo inyuse isambuku sokuthuthwa kwempahla kwaTransnet malunga neetoni ezizigidi ezingamashumi amabini (20t) ngonyaka.
UCreecy uthe, “Siyavuya kakhulu kukuba uTransnet ekwazile ukwamkela iinkampani zabucala ezilishumi elininanye (11) ukuba zisincedise ekuhambiseni imithwalo kuthungelwano. Manditsho ukuba ezi nkampani zikwazileyo ukuphumelela iinkqubo zolawulo, ziya kuthi ekuhambeni kwexesha zinyuse umyinge wokhuphiswano esikwaziyo ukuluhambisa kuthungelwano malunga neetoni ezizigidi ezingamashumi amabini (20) zempahla ngonyaka.”

