Home Ezemfundo Iintombi zeNkciyo azigodoli, koko zibhenquza zisiya koMkhulu eNqadu.

    Iintombi zeNkciyo azigodoli, koko zibhenquza zisiya koMkhulu eNqadu.

    IKomkhulu leSizwe sakwaXhosa eNqadu, lisebenzisana noNasizo Mdende namhlanje libhiyozele ngokusesikweni iNkciyo, ngombuliso kwiKumkani uAhlangene Sigcawu.

    INkciyo Eastern Cape, yaqalwa leligqiyazana eligama linguNasizo Mndende, nominyaka engamashumi amabini anesibhozo(28) ubudala ezalelwa kwiilali zaseXhorha phantsi koMaspala waseDutywa. Lenzwakazi, ithi ixoviwe kangangoko kumakhasi ezonxibelelwano kodwa akavumanga ukuba oko kumophule amandla.

    Ukhuthaze ulutsha ukuba luqibiseke ukulwela abo bakufunayo ingakumbi aba baphantsi kwesandla seNkciyo. Ukanti namhlanje ibilusuku obelugcwele imincili ingakumbi kwiintombi nto eziphantsi kwesandla seKumkanikazi uNozuzo Sigcau kunye neNkciyo Eastern Cape neziphaluka ebezisuka kude ukuyokuma kwilizwe lakwaZulu- Natal.

    Ngethuba umzali wabantwana ekhwele eqongeni, ecacisa ngeNkciyo uthe injongo yeliphulo kukuphuhlisa umtwana, kwinkcubeko, kwezemfundo kwaye badlalele kude kwezesondo bazigcine benyulu.

    IKumkani yamaXhosa uVulikhaya Ahlangene Sigcau, ugcininise kakhulu kwindima edlalwa ngabazali xa bekhulisa abantwana babo nokubaluleka kwayo. Uthi umzali ngamnye unoxanduva lokuqeqesha abantwana, kodwa hayi ngeswazi koko ukuthetha nomtwana umbonise indlela.

    Uzikhankanyile ke nezinto ezothusayo kwilizwe esiphila kulo, ezifana nolutsha oluxabise iziyobisi kunemfundo, kambe abanye bamithe besebancinci.

    Uncomile kakhulu umsebenzi omhle nowenziwa nguMadlamini, iKumkanikazi yamaXhosa ngokuzinikela emsebenzini wokuqokelela esakha abantwana kuba efuna ukubafaka endleleni enekamva eliqaqambileyo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks