Home Iindaba Iinzame zokunqanda ukusweleka kwabakhwetha eMpuma Koloni azivezi ziphumo zincumisayo

    Iinzame zokunqanda ukusweleka kwabakhwetha eMpuma Koloni azivezi ziphumo zincumisayo

    Iinzame zokunqanda ukubhubha kwabakhwetha ngethuba kusenziwa isiko lokungena kwisigaba sobudoda kwaXhosa eMpuma Koloni ayizi neziphumo ezintle. Eli xesha lasehlotyeni sele limfiliba. Ulwazi olukhoyo lubonisa ukuba bangamashumi amabini anesithathu abantu ababhubhileyo ukusukela oko kuqale ixesha lolwaluko lwehlobo kweli phondo.

    Iziganeko ezibini zokudubuleka ezothusayo zenze elixesha langoku libe mandundu ngakumbi. Abakhwetha ababini kunye nomntakwabo badutyulwe babhubha eNgqamakwe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo ze kwiveki ephelileyo kudutyulwe kwabulawa umkhwetha eGqeberha.

    “Siye sawenza amaphulo amaninzi neenkosi zemveli. Ndicinga ukuba kufuneka iintsapho ziphakame. Singayiyeka le nto ukuba zonke iintsapho zithatha uxanduva ngokupheleleyo,” utshilo uOscar Mabuyane, iNkulumbuso yeMpuma Koloni.

    Kukho amalinge kunye nemithetho ebekiweyo yokukhusela abakhwetha.

    Amaqela achaphazelekayo aqhubeleka nokuhlaba ikhwelo lokuba kuthathwe amanyathelo akhawulezileyo ukunciphisa inani lokufa.

    “Senze konke kumalungiselelo okwaluka namahlakani ethu. Siye kwiindawo sithetha nabazali abalumkisayo nokuba ngabakhwetha malunga nokubacebisa kwaye sigxininise ukuba ukusela amanzi kubalulekile,” utshilo uMpumalanga Gwadiso, uSihlalo: weNdlu yeeNkokheli zeMveli eMpuma Koloni.

    Ukuza kuthi ga ngoku, abantu abangama-69 nabo babanjiwe malunga nesiko elingekho mthethweni.

    Isebe loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli likwaqhubeleka nokubeka iliso kwizikolo zolwaluko.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks