Babini (2) abadlali beqela leqakamba loMzantsi Afrika uRyan Rickelton noPatrick Kruger abaye baqinisekisa ukuba eliqela liyawuphumelela umdlalo wayo wokuqala(1) weT20I ngethuba bequbisene neqela leqakamba laseIreland kumabala eqakamba iShaikh Zayed eAbu Dhabi phezolo uLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesixhenxe(27) kwinyanga yoMsintsi. iiProteas ziphumelele ngoothinti abasibhozo(8).
UKruger uthathe oothinti abane ebethwa imitsi engamashumi amabini anesixhenxe(4/27) yena uRickelton uqhoke imitsi engamashumi asixhenxe anesithandathu(76) ejongene neebhola ezingamashumi amane anesibhozo(48).
Iqela laseIreland leqakamba lenze imitsi elikhulu elinanashumi asixhenxe ananye beohulukana noothinti abasibhozo(171/8) kwi-overs ezingamashumi amabini(20).
UPaul Stirling ongumvuli weliqela laseIreland ekwayinkokheli yabo uphume enesibini(2) kuphela egameni lakhe. URoss Adair uphume eneshumi elinesibhozo(18) lemitsi egameni lakhe.
Iqela leProteas liphendule ngekhulu elinamashumi asixhenxe anesine bephulukana noothinti amabini(174/2) kwii-overs ezilishumi elinesixhenxe neebhola ezine(17.4).
Umdlalo wesibini(2) phakathi kwalamaqela ungomso ngeCawa umhla wamashumi amabini anethoba(29).
By Siphiwo Boqwana