Iyaqhuba imidlalo ye-Olimpiki yombhoxo kwiiSevens, eParis.
IiBlitzbokke zisengxakini emva kokuvula ngokubethwa kwimidlalo ye-Olimpiki eParis phezolo ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini anesine (24) kweyeKhala.
Iqela leeSevens loMzantsi Afrika lizibhaqa lisengxakini emva kokubethwa kumdlalo wokuvula yi-Ireland ngethuba libethwa ngamanqaku alishumi kwamahlanu (10-5) kumabala iStade de France, nebelizele limi ngeembhambho.
UMzantsi udlale neqela leNew Zealand kumdlalo wesibini (2), nalapho baphinde babethwa ngamanqaku alishumi elinesixhenxe kwisihlanu (17-5), ngoku ukuba bafuna ukuya phambili kuzakunyanzeleka ukuba babethe iqela leJapan nelibethwe kumdlalo walo wesibini yiNewZealand ngamanqaku angamashumi amane kwishumi elinesibini (40-12).
Abaphume kwindawo yokuqala neyesibini basethubeni lokuba kumaqela asibhozo wokuqala, ze amaqela amabini agqibe ngamanqaku amahle kwindawo yesithathu abesethubeni lokugqithela phambili.
Umdlalo wokugqibela iMzantsi izakuthathana neqela laseJapan namhlanje ngentsimbi yesine (16h00) emva kwemini ngokwexesha loMzantsi Afrika.
Amanye amaqela adlalileyo ngabahlinzeki iFrance, ibambene neqela leUSA ngamanqaku alishumi elinesibini (12-12) kumacala omabini.
I-Australia ivule kakuhle ibetha iSamoa ngamanqaku angamashumi amabini nanye kwishumi elinesine (24-14). Iinjinga zeWorld series i-Argentina ibethe iKenya ngamanqaku angamashumi amathathu nanye kwishumi elinesibini (31-12).
Injinga ezikhuselayo kwi-olimpiki iFiji ibethe abatshakazi i-Uruguay ngamanqaku angamashumi amane kwishumi elinesibini (40-12). IFrance kumdlalo wesibini ibethe iUruguay efikayo ngamanqaku alishumi elinethoba kwishumi elinesibini (19-12)
Kumdlalo wesibini iFiji ibethe iUSA ngamanqaku angamashumi amathathu anesibhozo kwishumi elinesibini (38-12).
I-Fiji izakuqubisana neFrance kumdlalo ozakugqiba ukuba leliphi iqela elizakuba kwindawo yokuqala neyesibini.
I-Argentina ibethe iKenya ngamanqaku angamashumi amathathu nanye kwishumi elinesibini (31-12). Yaphinda I-Argentina yabetha iSamoa ngamanqaku angamashumi amabini anesibhozo kwishumi elinesibini (28-12).
I-Australia ibethe iKenya kumdlalo wesibini (2) ngamanqaku angamashumi amabini nanye kwisixhenxe (21-7).
Amaqela agqithele phambili okwangoku yiFrance, i-Australia, i-Argentina, iFiji, i-Ireland neNew Zealand.
By Siphiwo Boqwana
