Home Iindaba IKabu Yellow yenza amalungiselelo esizini ezayo ngokutyikitya abadlali abatsha nabaqeqeshi.

    IKabu Yellow yenza amalungiselelo esizini ezayo ngokutyikitya abadlali abatsha nabaqeqeshi.

    UFertumba ukholelwa ukuba uMngqithi noKompela ngabona banokuliphumelelisa eliqela.

    UFertumba ukholelwa ukuba uMngqithi noKompela ngabona banokuliphumelelisa eliqela.

    Iinjinga zeAfrican Football ligi nekwazinjinga zeligi yoMzantsi iMamelodi Sundowns inabadlali abatsha eChloorkop.

    Amasandawana sele ebophelele ngesivumelwano abadlali abane (4) ukuzakuthi gaa ngoku abo nguAsekho Tiyawu odlala ekunxele ngasemva, ibe nguKegan Johannes odlala ngasemva ekhohlo naphakathi, babenoArthur Sales oyifolosi noKabamelo Kodisang odlala ecabangeni.

    Emva kokugxothwa kukaRulani Mokwena kubonakala ngathi uManqoba Mngqithi nguye ozakuthabatha intambo ancediswe nguSteve Kompela noRormain Folz.

    Owayesakudlalela iSundowns uRoger Fertumba ukholelwa ukuba aba baqeqeshi babini (2) uMngqithi noKompela balungile kuba kudala bekweliqela kunjalo nje bobabini (2) bayalazi kakhulu ingakumbi uManqoba kuba ebekhona yena nangexesha likaPitso Mosimane.

    UFetumba uthi kwakusoloko kukho uxinizelelo kweliqela nanjengoko lisoloko lisenza ngcono minyaka lena. URoger uthi i”Kabu Yellow” ifuna ukuba lelona qela lihambha phambili eAfrika.

    USteve Kompela sele etyikitye ukuhlala kweliqela iminyaka emine (4) kananjalo naye uManqoba uzakuzeka mzekweni atyikitye iminyaka emine (4) njengomqeqeshi omkhulu nophambhili kweliqela nozakuthatha apho ebeyeke khona uRulani noqeqesha eMorocco ngoku.

    Umphathi kaMngqithi uMike Makaab uvakalise ukuba umqeqeshi lona akakadibanisi phepha ne-inki okwangoku.

    By Siphiwo Boqwana

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks