Emva kothethwano olucokisekileyo, iANC ithi umongameli Cyril Ramaphosa uzakubhengeza isigqeba sakhe esitsha kwiintsuku ezimbalwa ezizayo.
Emva kothethwano olucokisekileyo, iANC ithi umongameli Cyril Ramaphosa uzakubhengeza isigqeba sakhe esitsha kwiintsuku ezimbalwa ezizayo. Lo mbutho ukhuphe ingxelo emva kokurhola ilungu leshumi kwiphulo lobumbano kurhulumente wesizwe.
Iqela le-Al Jama-ah lelokugqibela ukuba lizibandakanye norhulumente womanyano ngempelaveki lizisa inani elipheleleyo labatyikityileyo kwishumi kwaye abanye baseza kuzibandakanya.
Idlala amakhadi ayo ivale isifuba iANC ibonakala ingazimiselanga ukuncama amasebe ezoqoqosho kunye nelokhuseleko. Ikwafuna ukugcina i-Ofisi kaMongameli kunye nemvumelwano yokuba uPaul Mashatile makahlale.
Kusenjalo, iDA kukholelwa ukuba ibeke iliso kuMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli ephoswe umnqwazi wenkokeli yayo uJohn Steenhuisen. Kodwa, ngokomgaqo-siseko ihlala ililungelo likamongameli lokuba ngubani oza kumisa kwisigqeba sakhe.
USihlalo weFederal Council weDA, uHelen Zille, uthi iANC mayiyazi ukuba iDA liqabane elibalulekileyo kuRhulumente woManyano lweSizwe.
UZille uthi iDA inendima ebalulekileyo ekufuneka iyidlalile kolu luhlu lutsha.
By Anita Qubula.
