IKhabhinethi ivumile izicwangciso zokwandisa ixesha lokusebenza kwezigunyazisi zokuqhuba (licences) zokuqhuba ukusuka kwiminyaka emihlanu (5) ukuya kwiminyaka elishumi (10)
Olu lwandiso lusebenza kwizithuthi ezilula kuphela, oluzeze-licence zokuqhuba zeKhowudi A, A1, B kunye ne-EB.
Oku kutyhilwe nguMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli, uKhumbudzo Ntshavheni, oxelele abeendaba ngeziphumo zentlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngoLwesithathu umhlawamashumiamabini anesithoba(29) kweyeKhala.
UNtshavheni uthe izithuthi ezinkulu zorhwebo kunye nezothutho lukawonke-wonke ziya kuhlala ziphantsi kwemijikelo yokuhlaziya ekhoyo yeminyaka emibini (2) okanye emihlanu (5), ngelixa iiMvume zoQeqesho (PDP) nazo ziya kuhlala kumjikelo wokuhlaziya kabini.
Umhla wokuqala wolu lwandiso awukaqinisekiswa.
NgokukaNtshavheni, oku kungenxa yokuba inkqubo yokuqaliswa ifuna uhlengahlengiso lomthetho.
