By Esona Magawana
IKhomishini kaZwelonke yaBathengi (i-NCC) ibhengeze ukubuyiswa kweemveliso ezinkulu ezichaphazela iimoto ezithile ze-Isuzu kunye nezithuthuthu ze-Ducati. Ukubuyiswa kwemoto kubhekiselele kwiimoto ze-Isuzu RT66 ezithengiswe yi-Isuzu Motors South Africa, phakathi kwe-16 kweyeKhala ukuya ngomhla we-8 kweyoMsintsi kulo nyaka.
I-Isuzu ibonise ukuba izithuthi ezichaphazelekayo zingabangela umngcipheko ngenxa yoxhumo olubi lombane, olunokubangela ukuba kuvuthe kutshise i-airbag yesithuthi ze ivuthe umlilo ngokukhawuleza. Kwisibhengezo esahlukileyo, ikomishini iqinisekise ukuba iDucati South Africa, icandelo leVolkswagen South Africa, nayo ibhengeza ukubuyiswa koluhlu lwezithuthuthu zayo.
Iimodeli emazibuyiswe zibandakanya iDucati Panigale V4 ukusuka kwimodeli yonyaka ka-2018 ukuya kuthi ga ngo-2024, kunye neDucati V4 Streetfighter ukusuka kwimodeli yonyaka ka-2020 ukuya ku-2025. Oku kubuyiswa kwalemveliso kudalwa ziingxaki ezinokubakho kwishaft yevili yangasemva.
