IKomiti yePalamente ejongene nokuphanda izityholo ezenziwe nguMkomishinala wamaPolisa aKwaZulu-Natal, uLieutenant-General Nhlanhla Mkhwanazi, iqale ngokusesikweni ukusebenza ngoLwesibini, umhla wesihlanu (05) kweyeThupha 2025.
Indibano yokuqala yale komiti ibilawulwa lunyulo lukasihlalo kunye neengxabano malunga nokuvunywa kobungqina.
Ilungu leANC lePalamente, uMolapi Soviet Lekganyane, wonyulwe ngaphandle kokuphikiswa njengoSihlalo weKomiti enamalungu alishumi elinanye (11) yamaqela ngamaqela. Ukuchongwa kwakhe kubangele inkxalabo ekhawulezileyo kwiibhentshi eziphikisayo, ngakumbi iActionSA kunye neEconomic Freedom Fighters (EFF), ethandabuza ukuba ingaba le komiti ingakwazi na ukusebenza ngokuzimeleyo lo gama usihlalo wayo ekwisikhundla esiphezulu kwiANC.
“Kufuneka silumke singayijiki le nkqubo ibe yinto yokukhusela amaqela ezopolitiko abandakanyekayo,” uye walumkisa ummeli weActionSA epalamente, u

“Siluqinisekisa njani uluntu ukuba olu phando luzakucokiseka njengokuba lukhokelwa ngulo mbutho ubandakanyeka kwizityholo zikaMkhwanazi?”, utshilo uJames.
INkokeli yeEFF uJulius Malema, oye wala ukutyunjwa njengoSihlalo, uvakalise ukuphoxeka ngabacebisi bezomthetho bePalamente emva kokuba bethe intetho kaMkhwanazi kumabonakude ayibubo ubungqina obusesikweni.

“Sukuyikhaba le nto ithethwa nguMkhwanazi njengengenabo ubungqina,” ulumkise watsho uMalema. “Ezo zizityholo ezinzulu ezenziwa phambi kwelizwe lonke.”
UMkhwanazi, ngethuba ethetha noonondaba kumabonakude ngomhla wesithandathu (06) kweyeKhala 2025, wenza amabango agxekayo ngokungenelela kwezopolitiko kunye neenzame zokuthintela uphando oluphezulu. INdlu yoWiso-mthetho yeSizwe yaphendula ngokuseka ikomiti yethutyana ukuba iphonononge ubunyani bezityholo zakhe.
Kwintetho yakhe yokwamkelwa, uLekganyane uye wavuma ukungathenjwa kweANC luluntu, ecaphula uphando oluchaze ithemba loluntu ngakwiANC ukuba lume kumashumi amabini anesixhenxe (27%) eepesenti kuphela.

“Silwazi ngokupheleleyo uxanduva esiluthweleyo,” utshilo. “Le komiti kufuneka ibuyisele ithemba kuluntu loMzantsi Afrika.”
Ikomiti iya kungenisa ingxelo yayo yokuqala ngomhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyeDwarha 2025, kwaye imida yayo iya kuqhuba ngaxeshanye nophando olwahlukileyo lwenkundla olukhokelwa nguSekela-Jaji oyiNtloko uMandisa Maya KwaZulu-Natal.
Ikomiti kusafuneka yamkele imimiselo yayo kunye nenkqubo yomsebenzi. Le mimiselo ke iza kusasazwa ngoLwesihlanu, umhla wesibhozo (08) kweyeThupha 2025, kwaye iingxoxo zilindeleke kwintlanganiso elandelayo kwiveki ezayo. Kukwaqhuba iingxoxo malunga nokuba ingaba iindibano zovakaliso-zimvo zingabanjelwa na eThekwini ukulungiselela amangqina, uninzi lwawo esele lucwangciselwe ukunika ubungqina phambi kweKomishoni kaMaya.

Ilungu lePalamente leDemocratic Alliance uGlynnis Breytenbach wongeze ngelithi, ukubola kwi-SAPS akunako ukucocwa ngezopolitiko, aadinga uxanduva olupheleleyo kwaye kungabikho ziphazamiso.
Njengoko iPalamente ilungiselela amanyathelo alandelayo, onke amehlo ajonge ukuba ingaba le komiti iza kuyithobela kusini na imfezeko yesigunyaziso sayo, okanye ikhunjulwe njengelinye ithuba eliphosiweyo lobulungisa.

