By Buhle Nomgalasa.
NgoLwesithathu, uMphathiswa wezeMali uhlengahlengise inkqubo yohlahlo lwabiwo-mali ngokuthi athi thaca isikhokelo esitsha semali kunye namatyala emali aqulathe ulwabiwo oluthotyiweyo lwamasebe kuhlahlo lwabiwo-mali lwe-R2.35 yetriliyoni zeerandi.
IKomiti yezeMali ePalamente ngoLwesihlanu iza kuqalisa ukuphanda uHlahlo Lwabiwo-mali oluthiwe thaca nguMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana ngoLwesithathu. Oosihlalo bezi komiti bathe kwintlanganiso ebingoLwesine, umhlwa wamashumi amabini anesibini (22) kuCanzibe 2025, ukhuphiswano lokunyuswa kwerhafu (VAT) ecetywayo kwezi nyanga zintathu zidlulileyo lugubungele into ebekufanele ukuba ibeyingxoxo malunga nezinto eziphambili kwinkcitho karhulumente.
Usihlalo wekomiti esi sigxina yezemali, uJoe Maswanganyi, uthe ngumsebenzi wommi ngamnye ukuhlawula irhafu, kwaye akukho mbono unakho ukuvela wokuba ayinakuze ilungiswe ukuze kuxhaswe inkcitho karhulumente.
NgoLwesithathu, umphathiswa wezemali uhlengahlengise inkqubo yohlahlo lwabiwo-mali ngokuthi athi thaca isikhokelo esitsha semali kunye namatyala emali, aqulathe ulwabiwo oluthotyiweyo lwamasebe kuhlahlo lwabiwo-mali lwe-R2.5 yetriliyoni yeerandi.
Utshintshise ngokunyuswa kwe-Rhafu (VAT) kunyuso lwerhafu yepetroli, esele ilinyathelo elingathandwayo kumaqela aphikisayo. Kodwa uMaswanganyi uthe ukuhlawula irhafu akunakuphepheka.
“Soze ilunge into yokuba ngalo lonke ixesha urhulumente ethetha ngokunyuswa kwerhafu sikhuthaze uqhanqalazo.“
Usihlalo wekomiti emileyo ejongene nohlahlo lwabiwo mali, uSongezo Zibi, uthe nangona kunjalo imisitho yohlahlo lwabiwo-mali kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo inyanzelise ukuba kubekho ingxoxo malunga namagunya omphathiswa wezemali okwazisa ukunyuswa kwerhafu.
“Umphathiswa wezemali kufuneka eze nezindululo epalamente ezinokusetyenzwa, kwaye ipalamente akufuneki isebenzise igunya layo ngokungqongqo ukufikelela kwiziphumo ezibi.”
Intloko yohlahlo lwabiwo-mali ePalamente, uDumisani Jantjies, uthe ipalamente inoxanduva lokuphonononga uhlahlo lwabiwo-mali kwaye isemthethweni ukwenza utshintsho.
